Fukamela ingane noma ingane obese kuhlalwa nayo

Malunga 
Ofanele kukwenza 
Ixesha elimiselweyo 
Ingaba kubiza malini na 
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa 
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho

Ukuba ufuna ukuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho eMzantsi Afrika, kufuneka uchwechwele i-arhente eza kukuvavanya ikuncede ikukhangelise umntwana olungele ukufumana abazali.

Ungafaka isicelo sokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho ukuba ungummi waseMzantsi Afrika ohlala eMzantsi Afrika kwaye ufuna ukuthatha umntwana waseMzantsi Afrika  ongamzalanga abe ngowakho.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kuyo nayiphi na i-arhente kulo naliphi na iphondo olithandayo uyokufaka isicelo.
  2. I-arhenteeququzelela ukuthathwa kwabantwana iya kuqhuba uvavanyo/ ifunde ngekhaya ukufumanisa ukuba ukulungele na ukuba ngumzali.
  3. Ukuba i-arhente yonelisekile ziziphumo, baya kukufaka kwiRejista yabaNtwana abaNgathathwayo kunye naBazali abalungele ukuThatha abaNtwana lo gama bekuncedisa ukukhangela umntwana olungele ukufumana abazali.
  4. Ukuba umntwana uyafumaneka, baza kukubizela e-ofisini ukuba uzokubona umntwana  bakubuze nokuba usenomdla na wokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho.
  5. Ukuba uyavuma, baza kuthumela ingxelo yakho kwinkundla yabantwana ukuqoshelisa ukuthathwa komntwana baze bakhuphe umyalelo wokuthathwa komntwana.
  6. Ingxelo yenkundla  iya kuthunyelwa kwiSebe loPhuhliso loLuntu ukuze bakhangele ukuba inkqubo ilandelwe kakuhle na kunye nokubhala  phantsi iinkcukacha zakho nezomntwana.

Ixesha elimiselweyo

Imeko yohluka ukusuka kwenye ukuya kwenye.

Ingaba kubiza malini na

Kufuneka uhlawule kumbutho okhusela abantwana ogunyazisiweyo malunga nokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho phakathi kwamazwe amabini. 

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Onke amaxwebhu ayafumaneka kwi-ofisi yeSebe loPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page