uMongameli Jacob Zuma: INtetho engoBume beSizwe 2015

Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (i-NA),
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP),
Sekela Somlomo we-NA noSekela Sihlalo we-NCOP,
Sekela Mongameli Cyril Ramaphosa,
Owayesakuba nguMongameli Thabo Mbeki,
Owayesakuba nguMongameli FW de Klerk,
Jaji eyiNtloko Mogoeng Mogoeng nawo onke amalungu ahloniphekileyo eCandelo leeNkundla,
Sekela Mongameli wePan African Parliament, oBekekileyo uMnu Roger Nkondo Dang,
Somlomo we-NA yelizwe laseTanzania noSihlalo weQumrhu lePalamente yoMbutho woPhuhliso waMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC), oHloniphekileyo u-Anne Makinda,
Abaphathiswa nooSekela Baphathiswa,
IiNkulumbuso nooSomlomo beziNdlu zoWiso-mthetho zamaPhondo,
USihlalo woMbutho wooMasipala baseMzantsi Afrika (i-Salga)
IiNtloko zamaZiko kaRhulumente axhasa ulawulo lwentando yesininzi,
Sihlalo weNdlu yeSizwe yeeNkokeli zeMveli,
Owasakuba nguSomlomo we-NA, uGq Frene Ginwala,
Ndiyakhahlela nakwiiKumkani, Kumkani Keru Molotlegi, Kumkani Toni Peter Mphephu (Ramabulana),
Kumkani Mpendulo Zwelonke Sigcawu,
Zindwendwe ezihloniphikileyo,
Malungu weenkonzo zezozakuzo,
Malungu ahloniphekileyo,
Bemi boMzantsi Afrika,

Molweni, good evening, sanibonani, , riperile, dumelang, lotjhani, goeienaand, ndi madekwana, !gai//goes.

Ndifuna ukubulela kumaGosa Ongameleyo ngokundinika eli thuba lokuba ndithethe nesizwe ngolu rhatya.

Kulo nyaka wama-2015 siphawula iminyaka engama-60 kwimbali yeli lizwe, apho abemi boMzantsi Afrika abaphuma mbombo zone zeli bamnkela uMqulu weNkululeko ngowe-1955, eKliptown, eSoweto.

Bathetha ngazwi-nye besithi, phakathi kwezinye, uMzantsi Afrika ngowabo bonke abaphila kuwo, abamnyama nabamhlophe, kwaye akukho rhulumente onokubanga igunya ngokomthetho ngaphandle kokuba oko kusekelwe kwintando yabo bonke abantu.

La yayingamazwi obugorha, okuhlakanipha nabonisa uxolelwaniso kwaye la yayingamanyathelo okuqala akhokelela kolu lawulo lwentando yesininzi lungacaluli ngokobuhlanga siluxhamlayo namhlanje.

Kule veki sikwaphawula neminyaka engama-25 kwakhululwa entolongweni lowo wayesakuba nguMongameli uNelson Mandela, kwakunye nokuvulwa umlomo kwemibutho elwela inkululeko.

Ukukhululwa kukaMadiba kwaba linyathelo elikhulu kumzabalazo wenkululeko wabantu bonke boMzantsi Afrika kwaye oku kwawugungqisa kwawuxikika urhulumente wobukholoniyali bocalu-calulo.

Siyaqhubeleka sijonga kuMadiba kwaye sisebenzisa amava neemfundiso zakhe kolu hambo lunamagingxi-gingxi lokwakha isizwe sethu.

Bantu bakuthi,

Lo nyaka wama-2015 nguNyaka woMqulu weNkululeko noManyano kuSetyenzwa ukuKhawulezisa iiNkululeko yezoQoqosho.

Ngunyaka wokuzinekela kangangoko kwiphulo lokwakhwa uMzantsi Afrika obumbeneyo, olawulwa ngentando yesininzi, ongenabuhlanga, ongacaluli ngokwesini nonekamva elihle.
Ikwangunyaka wokuba sizinikezele kwakhona kwidabi lokulwa ubuhlanga kwakunye nazo zonke izinto ezibonakalisa ukunganyamezelani kweli lizwe lethu.

Ikwangunyaka wokuba sicinge siqiqe ngekamva lethu, ngokufundisa abantwana bethu kunye nolutsha ngamafa atyebileyo nanzulu eli lizwe.

Sesiqalisile ukubethelela nokuhlwayela indlela entsha yokuzidla nokuzingomba isifuba ngokugxininisa kwimpawu zesizwe ezifana neflegi yesizwe, umhobe wesizwe kunye nentshayelelo yoMgaqo-siseko kuzo zonke izikolo zeli.

Ukuqala kulo nyaka, izikolo ziza kuqala ukufunda ukucula umhobe weMbumba ye-Afrika, ukulungiselela imibhiyozo yeNyanga ye-Afrika, njengoko silandela isigqibo esithathwa yiMbumba ye-Afrika ngalo mba.

Malungu ahloniphekileyo,
Ndwendwe ezibekekileyo,

Ulutsha lweli lizwe zinkokheli zangomso kwayo impumelelo yalo isenza sizive sinelunda nebhongo.

Ndicela sonke siqhwabele izandla undwendwe lwethu olukhethekileyo, iindadi eyaphumelela iimbasa kwi-Olimpiki, uChad le Clos.

UChad ufumene elona wonga liphezulu ngenyanga yoMnga emva kokuba wachongwa njengeyona ndadi igqwesileyo kwihlabathi ngonyaka wama-2014, liQumrhu leeNdadi leHlabathi, phakathi kweminye imisebenzi yakhe egqwese ngokubalaseleyo.

Ndikwanazo nendwendwe ezibalulekileyo ezingamantombazana amathathu asuka kwisikolo iMoletsane High School eSoweto.

La mantombazana ngu-Ofentse Mahasha, uHlengiwe Moletsane kunye noTiisetso Mashiloane. U-Ofentse noHlengiwe bebezimase ingqungquthela yokugqibela ye-G20 e-Australia kwaye baqhuba kakuhle kakhulu, yaye siyazidla ngabo.

Ndivumele Somlomo nawe Sihlalo ukuba ndimqhwabele izandla engekho, enye imbalasane eze nodumo kweli lizwe lethu, uNobuhle oWongwe ngesiThsaba seHlabathi, uNksz Rolene Strauss.

Ndifuna nokwaziswa elinye indwendwe elibalulekileyo, oyiNtandane yezeMidlalo yoNyaka yeli lizwe noyiforosi yeBanyana Banyana, uNksz Portia Modise. Sithi huntshu kuwe Portia.

Malungu ahloniphekileyo,
Zindwendwe ezibekekileyo,

Ndifuna ukubamba ngazibini kubo bonke abazinike ithuba lokuphosa igade kwiSoNA yowama-2015. Ngokwezimvo ezivakaliswe ngabo bafake isandla, imiba engabalalisiyo lulwaphulo-mthetho, iindlela, imfundo, izikimu zokuqeqesha ulutsha, amanzi, umbane kunye nenkxaso yamashishini amancinci.

Imibuzo neziphakamiso ezifuna iimpendulo zithunyelwe kumasebe karhulumente wona aza kuyiphendula aze alungise nezo ngxaki.

Malungu ahloniphekileyo,
Zindwendwe ezibekekileyo,

Sihlangene apha kwakhona ngexesha elinzima kuqoqosho.

Kule veki iNgxowa-mali yeHlabathi iluthobile laya kwi-3,5%, uqikelelo lohlumo lweSambuku seMveliso yeLizwe (i-GDP) kuhlumo loqoqosho lwehlabathi ngowama-2015.

Iphupha lethu lokukhulisa uqoqosho nge-5% ngowama-2019 ingathi alizikufezekiswa, kuba uqoqosho lwehlabathi luyadodobala kwakunye neengxaki zalapha ekhaya zombane, ukunqongophala kwezakhono, ukuhexa kwezothutho nezokuthutha, phakathi kwezinye.

Kodwa kunjalo, zikhona iindaba ezincumisayo kwezemisebenzi. Kwezi ntsuku zimbini zidlulileyo, iZiko leeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika likhuphe iinkcukacha ngezengqesho zekota yokugqibela yowama-2014.

Le ngxelo ibonisa ukuba ngoku kukho abantu abazizigidi ezili-15,3 abaqeshiweyo eMzantsi Afrika. Imisebenzi ikhule ngama-203 000.

Imali esiyigalele kumaphulo olutsha iza neziphumo ezincumisayo. Isibonelelo seRhafu sokuQesha esaqaliswa kulo nyaka uphelelileyo silungiselelwe ulutsha ikakhulu siqhuba kakuhle kakhulu.

Ukuza kuthi ga kufakwe izicelo ngabaqeshi abangama-29 000 zokufumana esi sibonelelo serhafu esizibhiliyoni zeerandi ezimbini eza kuhlawulwa abantu abatsha abangama-270 00 ubuncinane.

Kulo nyaka uphelileyo ndavakalisa ukuba ngale nkqubo sifuna ukudala amathuba omsebenzi azizigidi ezithandathu kule minyaka mihlanu izayo.

Ukuza kutsho ngoku sezidale amathuba omsebenzi angama-850 000. Oku kuthetha ukuba sisendleleni ukufikelela kwinani esizibekele lona elisisigidi samathuba omsebenzi ngonyaka. Ukongeza koku, iinkqubo zethu zokusingqongileyo ezifana neyokuSebenza ngeNkunkuma, eyokuSebenza kwiMimandla engamaJojo, eyokuSebenza ngaManzi kunye neyokuSebenza ngoMlilo zidale amathuba omsebenzi angaphezulu kwama-30 000 yaye zijonge ukudala engama-60 000 kulo nyaka-mali uzayo.

Bantu bakuthi,

Uqoqosho lwethu lufuna ukukhwezelwa ngamandla. Sifuna ukunicacisela nani ngesi sicwangciso sinamanqaku asithoba okukhuthaza uhlumo nokudala imisebenzi.
La manqaku ngala:

1. Ukusombulula ingxaki yamandla ombane.
2. Ukuvuselela ezolimo nababandakanyeka kwicandelo lokuhlela nokucola iimveliso zolimo.
3. Ukuqhubela phambili iphulo lokuxhamlisa nokunika ixabiso kubutyebi bezimbiwa zethu.
4. Ukuphunyezwa ngokungqingqwa kwesiCwangciso sokuSebenza koMgaqo-nkqubo wezoShishino (i-IPAP).
5. Ukukhuthaza utyalo-mali ngabecandelo lamashishini abucala.
6. Ukuzama ukuthibaza ungquzulwano emisebenzini.
7. Ukunika amathuba kangangoko kumashishini amancinci naphakathi (ii-SMME), ookopolotyeni, amashishini asezilokishini nawasemaphandleni.
8. Iinguqu kumbuso kunye nokugxininisa indima edlalwa zinkampani eziphantsi korhulumente, iziseko zophuhliso ze-ICT okanye ukuqaliswa kobuxhaka-xhaka bokusebenza ngesantya sothungelwano-lwazi, ezamanzi, ezogutyulo neziseko zophuhliso zezothutho, kwakunye
9. ne-Operation Phakisa, enjongo zayo ikukukhulisa uqoqosho lwaselwandle namanye amacandelo.

Bantu bakuthi,

Ilizwe kungoku nje longanyelwe zingxaki zamandla ombane nto leyo ingumqobo kuhlumo loqoqosho kwaye nephazamisa wonke umntu weli lizwe.
Ukuqabela kule ngxaki ngumba ophambili kwinkqubo yethu. Senza konke okusemandleni ukusombululo le ngxaki yamandla ombane.

Bantu bakuthi,

Urhulumente wenza konke okusemandleni ukusombulula le ngxaki yokunqongophala kwamandla ombane kweli lizwe.

Siyazi ukuba lixesha elinzima kakhulu eli, kodwa nale iza kugqitha kuba sinamacebo esiwaphekileyo sawagwadla okuyilwa le ngxaki.

Sinesicwangciso esisiphehlileyo esiza kuza nezisombululo zexesha elifutshane, eliphakathi nelide.

Isicwangciso esinesisombululo sexesha elifutshane neliphakathi siquka ukulungiswa ngendlela ephucukileyo kwamaziko okuphehla ombane akwa-Eskom, ukuphucula isantya ophehlwa ngaso umbane kunye nokubeka phantsi kweliso indlela umbane osetyenziswa ngayo.

Isicwangciso esinesisombululo sexesha elide siquka ukugqibezela isicwangciso esigcweleyo sokuqinisekisa ukuba umbane awutsitsitheki uhlala ukhona.

Njengomba ophambili siza kuzisa uzinzo kwizimali zika-Eskom ukuze akwazi ukuphumela kule ntsunguzi. Ukungqina oku, uRhulumente uza kunika u-Eskom imali emalunga neebhiliyoni ezingama-R23 kulo nyaka-mali uzayo njengoko ebethembisile.

IQela lokuGwadla iQhinga elasekwa yiKhabhinethi ngeyoMnga alilali imini nobusuku lisebenza no-Eskom ukuzama ukuzisa uzinzo kubuxhaka-xhaka bokuphehla nokuhambisa umbane lize lincede ukuba ilawuleke indlela omana ucinywa unkinkishwa ngayo umbane.

Ngeli thuba sisaxakeke koku, kufuneka sisebenzisane ngokubambisana size nezisombululo.

Siyabacela abantu, amakhaya, imizi-mveliso namasebe karhulumente ukuba bonge umbane ukuze sinciphise amathuba okumane ucinywa kunkinkishwa umbane.

ISebe leMisebenzi kaRhulumente linikwe imiqathango yokuba liqinisekise ukuba zonke izakhiwo zikarhulumente ziwusebenzisa ngobunono umbane.

Ngenxa yokuba idizili ibiza kakhulu, u-Eskom ucetyiswe ukuba makatshintshe angasebenzisi yona asebenzise igesi kwiijeneretha zakhe.

Abantu emakhaya nabo bayakuthazwa ukuba batshintshe bangasebenzisi umbane basebenzise igesi xa bepheka, befudumeza nakwezinye izinto.

Ukwakhiwa kwamaziko okuphehla umbane amathathu, iKusile, iMedupi ne-Ingula kuza kugalela umbane ongumthamo oziimegawati ezingama-10 000 kwiziko lombane lesizwe.
Iphulo lokukhangela eminye imithombo yamandla ombane nalo liyaqhuba.

Ukuza kuthi ngoku urhulumente sele ethenge iimegawathi ezingama-4 000 kuBavelisi boMbane abaziMeleyo, abasebenzisa imithombo yombane ehlaziyekayo.

Iindibano ezintathu zokuqala zokunika amaxabiso ngenkqubo yokuthengwa kwamandla ombane ohlaziyekayo kutsale imali engaphezulu kweebhiliyoni ezili-R140 kumashishini abucala.

Umbane ohlaziyekayo ozimegawathi ezingama-3 900 uwonke nawo uthengiwe, iiprojekthi ezingama-32 ezinomthamo ozimegawathi ezingaphezulwana nje kwi-1 500 zigqityiwe kwaye zidityanisiwe neziko lombane wesizwe.

U-Eskom naye ngokwakhe ugqibile ukwakha iFama yamaPhiko oMoya okuTsala uMbane, iSere, eseyigalela iimegawathi ezili-100, nto leyo ithetha ukuba iphambili kakhulu kwixesha ebilisikelwe lokuphehlelwa ngeyoKwindla kulo nyaka.

Urhulumente naye uqalisile ngeyoMnga kowama-2014 ukuthenga kubaVelisi boMbane abaziMeleyo umbane ongumthamo ozimegawathi ezingama-2 400 kumaziko amatsha aphehla umbane esebenzisa amalahle.

Inkqubo yokuthenga iziko elitsha lokuphehla umbane lisebenzisa igesi elivelisa iimegawathi ezingama-2 400 iza kuqala kwikota yokuqala kulo nyaka-mali mtsha.
Umbane oziimegawathi ezingama-2 600 oveliswa ngamanzi uza kufunwa kumazwe akummandla we-SADC.

Malunga nesicwangciso esigcweleyo esineenjongo ezijolise kwixesha elide, sizakuzama igesi, ipetroliyam, inukliya, umbane ophehlwa ngamanzi kunye neminye imithombo yombane njengenxalenye yecebo lokusebenzisa iintlobo ezahlukeneyo zamandla ombane. UMzantsi Afrika ujikelezwe ngamazwe atyebileyo ngegesi, ngeli thuba thina sibhaqe isheligesi (igesi efumaneka kumathanda amatye asemathunjini omhlaba) kummandla weKaroo.

Iphulo lwe-Operation Phakisa loQoqosho lwaseLwandle, oluphehlelelwe kulo nyaka uphelileyo, nalo liyathembisa ukuba luza kuza nenye i-oli kunye negesi, into leyo iza kuba linyathelo eliza kwenza umahluko omkhulu kweli lizwe nakummandla we-SADC uwonke.

Urhulumente ukwacinga ngokuthenga inkqubo yokwakhiwa kwamaziko enyukliya aza kuvelisa iimegawathi ezingama-9 600 njengoko kuvunyiwe kwisiCwangciso esiHlanganisiweyo semiThombo yoMbane sowama-2010 – 2030.

Okwangoku urhulumente sele etyikitye iziVumelwano eziPhakathi kooRhulumente kwaye sele eqalisile ngeendibano zocweyo apho amazwe aza kubonisa ubuchule nobuxhaka-xhaka bawo bokuvelisa inyukliya, kwezi ndibano amazwe amahlanu sele ezile ukuza kubonisa ubunganga nobuxhaka-xhaka bawo ngenyukliya.

La mazwe aquka iMelika, i-South Korea, iRussia, iFrance kunye neChina.

Onke la mazwe aza kuthatha inxaxheba kwinkqubo yentengo engakhethi icala, engenamagushe nenika wonke ithuba eloneleyo lokukhuphisana xa kuza kukhethwa ilizwe okanye amazwe azakwakha amaziko okuphehla amandla ombane wenyukliya.

Iinjongo zethu kukuvulwa kudityaniswe icandelo lokuqala kwiziko lombane lesizwe ngowama-2023, kusekho ixesha elaneleyo phambi kokuba u-Eskom adilize amacandelo amadala akhe.

Malunga namandla ombane aphehlwa ngamanzi, i-Grand Inga Hydro-electrical Project eqhutywa ngokumbanisana ne-Democratic Republic of Congo iza kuvelisa iimegawathi ezingama-48 000 ombane ongeyongozi kwindalo oveliswa ngamanzi. UMzantsi Afrika uza kufumana iimegawathi ezingaphezulu kwama-15 000 kweli phulo.

Ukuze le nkqubo ingacimi esithubeni, uRhulumente ufuna ukusebenzisana namazwe aza kunceda kwiphulo lokuphuhlisa izakhono futhi aza kuhamba nathi kumsebenzi weNkqubo yoKwakha aMandla oMbane, ngeli thuba lincedisa ekuphuhliseni izakhono zabantu balapha ekhaya.

Bantu bakuthi,

Kusekho amakhaya azizigidi eziyi-3,4 kweli lizwe angenambane.

Kwi-SoNa yeSilimela kowama-2014, ndazisa umsebenzi wokuxhasa iziseko zophuhliso oza kunikezelwa koomasipala abathile apha elizweni.

Imali sele ibekelwe bucala yokufaka umbane kwaba masipala balandelayo kunyaka-mali wama-2015/16:
UMasipala wesiThili wase-Amathole, uMasipala wesiThili wase-Umzinyathi, uMasipala wesiThili wase-Alfred Nzo, uMasipala wase-Lukhanji kunye noMasipala wesiThili wase-OR Tambo.

Bemi boMzantsi Afrika,

Ngoku simanxada-nxada silwa iingxaki zamandla ombane kweli lizwe lethu kufuneka silwe nomkhwa wokubiwa kwekopolo nesinyithi.
Urhulumente uza kuza neendlela ezintsha nezingqwabalala zokulwa lo mkhuba.

Bantu bakuthi,

Kulo nyaka wama-60 wesikhumbuzo soMqulu weNkululeko, umhlaba uyenye yezinto eziphambili ezifunekayo ukuze kulungiswe umonakalo wangaphambili.

Kulo nyaka uphelileyo, siphinde savula ithuba lesibini lokufaka izicelo zamabango omhlaba. Izicelo zamabango omhlaba ezingaphezulu kwama-36 000 zifakiwe zisuka kwikona zonke zeli kwaye ixesha elibekiweyo lokuvala ukufakwa kwezicelo ngunyaka wama-2019.

Sikwaqalasela nesicwangciso-sikhokelo somgaqo-nkqubo esaba umhlaba ngokulingana, oko kukuthi, ngo-50/50, esiphakamisa ukuba abantu abahlala besebenza ezifama kufuneka babe nawo amalungelo nokuba awamaninzanga kangako. Kuza kukhethwa iifama ezingama-50 kusetyenziswa zona ukulinga oku.

Ngokwale mithetho isaphakanyiswayo mitsha, umntu omnye akanakuba nomhlaba ongaphezulu kweehektare ezingama-12 000.

Abantu bamazwe angaphandle abazikuvunyelwa ukuba babe nomhlaba eMzantsi Afrika kodwa baza kuvunyelwa ukuba bawuqeshe ixesha elide.
Ngalo mba, uMthetho oSayilwayo wokuLawula iZiza zeMihlaba uza kungeniswa ePalamente kulo nyaka.

NgeNkqubo yokuHlaziywa kweMihlaba, umhlaba oziihektare ezingama-90 000 unikwe amafama amancinci, abahlali basezifama nabasebenza ezifama kwaye beqeshise kwakhona.
Inkqubo yokumisela i-Ofisi yoMxabisi-mihlaba Jikelele iyaqhuba, kwaye iza kumiselwa ngokoMthetho wokuXabisa iMpahla.

Wakuba uphunyeziwe lo mthetho uza kuyiphelisa inkqubo elandelwayo ngoku yokuThengisa koThandayo eThengisela oThandayo xa umbuso ufuna ukuthenga okanye ukufumana umhlaba.

Bantu bakuthi,

Icandelo lezolimo libaluleke kakhulu kuhlumo nakwidabi lokuqinisekisa ukuba kukho ukutya okwaneleyo.

Sisebenzisana namashishini abucala ukugwadla isiCwangciso esiSebenzayo soMgaqo-nkqubo wezoLimo esiza kuvusa umhlaba oziihektare ezisisigidi ongasetyenziswa ngokwaneleyo ukuba uswetyenziselwe into ebonakalayo kule minyaka mithathu izayo.

Phakathi kwamanye amanyathelo okungenelela aphambili kulo nyaka, siza kuququzelela ukusekwa kwamaziko ezolimo okanye ookopolotyeni neentlanganisela kuye ngamnye koomasipala besithili abasokola kakhulu abangama-27 ngeenjongo zokuphucula uqoqosho lwasemaphandleni.

Imali esisixa sokuqala ezibhiliyoni ezi-R2 sele ibekelwe bucala ukuncedisa kweli phulo le-agri-park.

Siza kuphucula nangaphezulu iimveliso zezolimo ezithunyelwa kumazwe angaphandle eziya zisanda ingakumbi kumazwe athenga okokuqala alapha e-Afrika naseChina. Umzekelo, sityikitye izivumelwano zorhwebelwano ngeemveliso zezolimo eziza kukhokelela kukuba kuthunyelwe ama-apile nombona waseMzantsi Afrika eChina.

Ukuthunyelwa kwama-apile kumazwe angaphandle kuqikelelwa ukuba kuza kungenisa imali esuka ngaphandle ezizigidi ezingama-R500 kwisithuba seminyaka emithathu.

Ibali elincumisayo elinokubaliswa kwicandelo lezolimo yimpumelelo yamanye amafama asakhayo namancinci.

KuMasipala wesiThili waseVhembe eMusina, uRhulumente waseLimpopo ufake isandla kuMfelandawonye waseNwanedi onamafama angama-300 alima imifuno kumhlaba ozihektare ezingaphezulwana nje kuma-300 eyilimela ukuyithengisa.

Le Mfelandawonye/Ntlanganisela sowudale imisebenzi engaphezulu kwama-2 500 njengoko iifama ezilima imifuno zingumsebenzi osebenzisa izandla kakhulu.
Sisiva sinelunda kukubakho phakathi kwethu kowaphumelela iMbasa yokuba nguSomashishini oGqwesileyo ongowaseTyhini kwiCandelo lezoLimo ngowama-2014, uNksz Nokwanele Mzamo, osuka eKirkwood eMpuma Koloni.

Somlomo oBekekileyo noSihlalo oBekekileyo,

Amanyathelo ethu okungenelela sixhase icandelo lezemveliso aza neziphumo.

ISikimu sokuTyala iMali kwiCandelo lezeMoto likhuthaze amashishini abucala ukuba nawo afake imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-24,5, kwaze oku kwakhokelela ekubeni kuthunyelwe kumazwe angaphandle iimoto neentsimbi zazo ezixabisa iibhiliyoni zeerandi ezili-103.

Sakhe icandelo lokurhweba ngeemoto elikumgangatho wehlabathi kwilizwekazi i-Afrika kwaye iimveliso zeli candelo sizithumela kumazwe angaphezulu kwangama-152. 

Icandelo lezikhumba nezihlangu likhule lafikelela kumgangatho apho livelisa izihlangu ezizigidi ezingama-60, ezithunyelwa kumazwe angaphandle zona zinyuke nge-18% nto leyo iyinzuzo enkulu kuqoqosho leli.

INkomfa yeZizwe eziManyeneyo ngoRhwebo noPhuhliso ibonisa ukuba uMzantsi Afrika uyiphinde kabini iMali eNgenayo eTyalwa ngaMazwe angaPhandle kweli lizwe yaya kutsho kwiibhiliyoni zeerandi ezingama-88 ngowama-2013 kwaye nale iqikelelwayo yowama-2014 nayo iyathembisa kakhulu.

Icandelo lezeMveliso lithwaxwe kanabom nguMbhodamo okuQoqosho lweHlabathi.

Urhulumente uzithembise ngemali engaphezulu kweebhiliyoni zeerandi eziyi-2.8 iinkampani ezikweli candelo, ngeNkqubo yokuKhuthaza ukukwazi ukuMelana noKhuphiswano kweCandelo lezeMveliso.

Sivuye kakhulu yindlela imizi-mveliso elibulele ngayo olu ncedo ngokuthi nalo lityale imali engaphezulu kweebhiliyoni zeerandi ezili-12,4. Zezi ndaba zimnandi ezi sihlala sithetha ngazo.

Ukongeza koku, sizama ukukhawulezisa iinguqu, siqalise ngenkqubo yokukhangela size siphuhlise oosomashishini abantsundu kwisithuba seminyaka emithathu.

Bantu bakuthi,
Ngenxa yempumelelo esiyibonayo kwicandelo lezemveliso, sinethemba elikhulu lokuba siza kuqhuba kakuhle kwiphulo lethu lokukhwezela sikhuthaza uhlumo.

Somlomo oBekekileyo noSihlalo oBekekileyo,

Ukuze sitsale abantu abanezakhono abasuka kumazwe angaphandle baze kuncedisa kuqoqosho lwethu olukhulayo, siza kucela amahlakani ethu ahlukeneyo ukuba eze kwiintlanganiso ezahlukeneyo zokubonisana ngoMgaqo-nkqubo wezokuFuduka.

Umbandela wokuphonononga imithetho elawula ii-visa uza kukhokeliswa phambili ukuze sikwazi ukukhuthaza uhlumo kwezokhenketho kodwa oko sikwenza ngaphandle kokubeka ukhuseleko lesizwe esichengeni.

Bantu bakuthi nezihlobo,

Kwi-SoNA yeSilimela ngowama-2014, ndanyathela umba wokuzisa uzinzo kwicandelo lemigodi nokukhuthaza umoya wemvisiswano kubasebenzi.

Umba weentshukumo zogwayimbo lwabasebenzi, ngamanye amaxesha ezithatha ixesha elide zibe nazo neziganeko zodushe, awusilalisi.

Ukuqaliswa kweenkqubo eziliqela phantsi kwesiKhokelo-sicwangciso seCandelo lwezemiGodi oluZinzileyo, kunike isiqabu kunye nethemba kwicandelo lezemigodi, elilicandelo elilithemba lokuqina loqoqosho lwethu.

AmaQonga okuLwa uLwaphulo-mthetho emiGodini asekiwe kwiphondo laseMntla Ntshona, eLimpopo, eFreyistatha, eMpumalanga naseGauteng.

Urhulumente uza kuqalisa ukulandela izivumelwano ekufikelelwe kuzo ngabecandelo lamaShishini kunye nabaSebenzi, kuquka nokwaqwalaselwa komba womyinge owamkelekileyo womvuzo kwisizwe sonke.

Saphinda senza isithembiso kwi-SoNA yalo nyaka uphelileyo sokuba siza kuhlaziya iidolophana ezisokolayo ezikwimimandla enemigodi. Mhle umsebenzi osele wenziwe koku.

Imali ezibhiliyoni ezi-R2,1 ibekelwe bucala ukulungiselela lo msebenzi, kuyo le mali ezizigidi zeerandi ezingama-290 sele ikhululwe ukuze iPhucule imiMandla enaMatyotyombe eMpumalanga, eMntla Ntshona, eGauteng, eMntla Koloni, eLimpopo naseFreyistatha.

Imimandla enamatyotyombe eli-133 isaphononongwa okanye ilungiselelwa ukuphuhliswa ngeNkqubo yeSizwe yokuXhasa uPhuhliso.
Imimandla engama-32 iyakhiwa sithetha nje, amaphulo angama-87 olwakhiwo lwezindlu nawo ayaqhuba kwidolophana ezingakwindawo ezinemigodi ebezikhonjiwe ukuba kuza kuqalwa ngazo.
 
Okubalulekileyo kukuba uRhulumente, icandelo lezemigodi kunye noMbutho weeBhanki woMzantsi Afrika batyikitya isiVumelwano seNtlalo sokuphuhlisa nokwakha iindawo zokuhlala uluntu ezisemgangathweni.

URhulumente uyaqhuba ukuncedisa ngezibonelelo zentlalo kwimimandla emi ngakwiindawo ezinemigodi. Enye inkxaso iquka uncedo ngabo bazingcali ukuzoba iziCwangciso zoPhuhliso oluHlanganisiweyo kunye nokuphuhliswa kweeMimandla eKhethekileyo yezoQoqosho.

Iidolophana ezikwimimandla enemigodi ziyancediswa ngokuba nazo zisebenzise iqhinga elitsha lokuhanjiswa kweenkonzo ngoomasipala elikhuthaza ukwenza izinto ngendlela eyiyo nefanelekileyo, i-Back to Basics.

URhulumente ukwabeke phantsi kweliso elibukhali nendlela iinkampani eziyithobela ngayo imiqathango ekuMqulu weMigodi wowama-2014.

Ndiwubuyisele ePalamente kwakhona uMthetho wokuPhuhliswa kwemiThombo yeziMbiwa nePetroliyam ukuze ukwazi ukulungiswa iziphene neendawana oqhwalela kuzo ngokomgaqo-siseko neminye imiba.

Bantu bakuthi,

Ukusabela kwizicelo zamashishini, uRhulumente ulungelelanisa imisebenzi yokuhlola umonakalo kwindalo nakokusingqongileyo, izicelo zelungelo lokomba umgodi namanzi kwaye ubeke iintsuku ezingama-300 ukuze zonke ezi zicelo ziphunyezwe kwaye amaphepha-mvume akhutshwe.

Ukongeza, siza kuseka iZiko elinako konke lamaSebe ngamaSebe lokuKhawulezisa iziCelo ukuze lisabele kwizikhalazo neengxaki zabatyali-zimali.

Bantu boMzantsi Afrika,

Lo nyaka wama-2015 siza kuphucula ngakumbi imithetho yezabasebenzi ukuze sikhusele amalungelo abasebenzi.

ISebe lezabaSebenzi liza kuqwalasela kwakhona imithetho elawula iimeko zokusebenza yecandelo lezolimo, elezamahlathi, elonogada beenkampani zabucala, iivenkile ezinkulu nezo zingomathenga-thengisa.

Silindele ukuqukunjelwa koMthetho weeNkonzo zeNgqesho wowama-2014 oza kuseka ngokusesikweni inkonzo yengqesho karhulumente.

Lo mthetho uza kumisela imithetho ngokusesikweni yeendlela zokusebenza kwee-arhente zabucala ezikhangelela abantu imisebenzi nezo zizamela abantu izingxungxo zexesha elifutshane ukuthintela ukuxhatshazwa kwabantu abafuna imisebenzi bengacingeli nto ngakunyhashwa kwamalungelo abo.

Ukongeza, uMthetho we-Inshorensi yabaNgasebenziyo wowama-2001 uza kulungiswa ukuze uphucule amaqithi-qithi afunyanwa ngabantu uze uquke nabasebenzi bakarhulumente xa kusetyenziswa lo mthetho.

Malungu ahloniphekileyo neendwendwe ezibekekileyo,

Amashishini amancinci enza umahluko omkhulu kuqoqosho.

Urhulumente uza kubekela bucala ama-30% eentlobo zeempahla neenkonzo ezifanelekileyo kwizinto ezithengwa nguMbuso ukuba zithengwe kwii-SMME, ookopolotyeni kunye nakumashishini asezilokishini nawasemaphandleni.

Siza kuqhubeka sikhuthaza kwaye sisilwela amathuba olutsha.

I-Arhente yeSizwe yoPhuhliso loluTsha yabe imali ezizigidi ezingama-R25 iyinika amashishini amancinci okanye asakhasayo awangabantu abatsha kwilizwe liphela kulo nyaka-mali uphelileyo.

Le Arhente ingene kwisivumelwano sentsebenziswano ne-Industrial Development Corporation (i-IDC), i-Arhente yokuXhasa ngeziMali amaShishini Amancinci isivumelwano sentsebenziswano semibutho emithathu esizale ingxowa-mali ezibhiliyoni ezi-R2,7 yabantu abatsha.

Bantu bakuthi,

Lo nyaka wama-2015 ngunyaka wokuqalisa isigaba sokuqala sokunikezela ngobuxhaka-xhaka besantya sokuhambisa uthungulwano-lwazi. Urhulumente uza kufakela obu buxhakaxhaka kwi-ofisi zomasipala bezithili abasibhozo.

Aba masipala yi-Dr Kenneth Kaunda eMntla Ntshona, iGert Sibande eMpumalanga, i-O.R. Tambo eMpuma Koloni, iPixley ka Seme eMntla Koloni, iThabo Mofutsanyane eFreyistatha, Umgungundlovu no-Umzinyathi KwaZulu-Natal kunye neVhembe eLimpopo.

Urhulumente ugqibe nokuba abeke uTelkom njenge-arhente eza kukhokela ukuncedisa kulo msebenzi wokufakelwa kobu buxhaka-xhaka.

Njengenxalenye yokukhwezela uhlumo, ngokuxhasa iinkampani eziphantsi korhulumente, sele ziqalisiwe iinkqubo zokuqalisa ukusebenzisa izicwangciso zeentsuku ezingama-90 zokutshintsha imeko emaxongo nokuzisa uzinzo kwizimali zeNkampani yezoPhapho yoMzantsi Afrika (i-SAA).

Ukulandela koku, iinqwelo-moya eziya kwezinye izikhululo zamanye amazwe ezingenzi mali ziza kupheliswa.
Kodwa oku kuza kwenziwa ngendlela engazikuluchaphazela kakubi ukhenketho, uhambo norhwebo phakathi koMzantsi Afrika nehlabathi.

Bantu bakuthi,

Inkqubo yeSizwe yoPhuhliso lweziSeko zoPhuhliso iyaqhubeleka idlala indima enkulu ekudaleni imisebenzi nakuhlumo loqoqosho.

Amanzi abaluleke kakhulu kuhlumo loqoqosho nobomi obungcono. Iiprojekthi ezininzi zokuzisa amanzi kwimizi-mveliso nakumakhaya abantu zeziqalisiwe okanye zise kwisigaba sokucwangciswa kulo lonke eli lizwe.

Iiprojekthi ezinkulu ziquka iProjekthi yaManzi e-Umzimvubu eMpuma Koloni, iDama iJozini e-Umkhanyakude KwaZulu-Natal kunye neeprojekthi eziqaliswe eBushbuckridge eMpumalanga kunye nesiGaba sokuQala seMokolo Crocodile Water Augmentation eLimpopo.

Uyabonakala umgama osele uhanjiwe kwidabi lokuphucula imeko yamanzi kwimimandla ebichatshazelwe kukuvalwa kwamanzi, iindawo ezifana noMasipala wesiThili iMakana eMpuma Koloni, uMasipala wesiThili iNgaka Modiri Molema eMntla Ntshona kunye naseGiyani eLimpopo, apho besisandula ukubhiyozela ukufika kwamanzi kwiilali ezingama-55 ngeyeDwarha kulo nyaka uphelileyo.

Somlomo noSihlalo oHloniphekileyo we-NCOP mandibongoze wonke umntu ukuba onge amanzi. Ithontsi nethontsi libalulekile. Isizwe silahlekelwa yimali ezibhiliyoni ezisi-R7 ngonyaka ngenxa yokudlala ngamanzi.

Ukuthintela le ngxaki, uRhulumente esebenzisa iSebe lezaManzi noGutyulo uza kuqeqesha amagcisa okanye abatywini abangama-15 000 abaza kutywina bavale iimpompo zamanzi ezivuzayo kwiingingqi zabo.

Siyavuya ukuba lo msitho uzinyaswe lindwendwe elibalulekileyo, ophumelele iMbasa yabaseTyhini abakwiCandelo lokOngiwa kwaManzi, uNksz Mapule Phokompe waseMahikeng eMntla Ntshona.

Bantu bakuthi,
Inkqubo yeziseko zophuhliso iyaqhuba ukwandisa icandelo lezithuthi kunye nendlela nto leyo izindaba ezimnandi kuhlumo loqoqosho.

ISebe lezoThutho liza kuchitha imali emalunga neebhiliyoni zeerandi ezisi-9 kwiSibonelelo-mali samaPhondo sokuLungiswa kweeNdlela okanye i-Sihamba Sonke Programme ize imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-11 isetyenziselwe ukuphucula nokulungisa iindlela ezingahlawulelwayo.

Imali engaphezulu kweebhiliyoni zeerandi ezi-6 iza kuchithwa kwizixeko ezili-13 ekucwangciseni, ekwakheni nasekuhlawuleni iindleko zokusebenza kweebhasi eziquqa zibuyelela kulo nyaka-mali.
Siza kuqhubeka siphucula iziseko zophuhliso ezikolweni nakumaziko emfundo ephakamileyo ukuze ezi ndawo zibe kwimeko ekumgangatho ofanelekileyo wokufunda nokufundisa.

Kusetyenziswa iPhulo eliKhawulezayo lokuPhuhlisa iziSeko zoPhuhliso zeZikolo eliyinxalenye yesiCwangciso seSizwe seziSeko zoPhuhliso, izikolo ezingama-92 zigqityiwe ukwakhiwe, ezili-108 zona zisakhiwa.

Izikolo ezimalunga nama-342 zinamanzi ngoku okokuqala.

Izikolo ezingama-351 zineziseko zogutyulo lwelindle ezindilisekileyo ngelithuba ezingama-288 zifakelwe umbane.

Siyaqhuba. Siyasebenza. Sisisizwe esixakekileyo esisebenzayo.

Urhulumente ubone iziza ezili-16 zokwakha iikholeji zobuGcisa namaKhondo oQeqesho kunye nokulungiswa kwezi zikhoyo.

Siyaqhuba nokwakha iidyunivesiti ezintsha tsha, iDyunivesiti iSol Plaatjie eMntla Koloni, iDyunivesiti yaseMpumalanga kunye neSefako Makgatho Allied and Health Sciences University.

Malungu ahloniphekileyo

Siyaqhuba sisakhela abantu bakuthi izindlu. Ngomhla wama-30 kweyoMsintsi ngowama-2014, kwanikezelwa izindlu ezihlawulelwayo nezifikelelekayo ezingama-50 000.
Urhulumente uza kwakhela amagqala eeMfazwe izindlu ezingama-5 000.

Urhulumente uza kwenza kangangoko ukuqinisekisa ukuba akukho maxwebhu obunikazi besiza okanye indlu, lawo aphambi kowe-1994 nasemva kowe-1994, angekanikezwa.

Somlomo noSihlalo oHloniphekileyo,

Ngaphambili besiqulunqe iinkqubo eziqiqisiweyo ukuze sikwazi ukufezekisa isiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP).

Kulo nyaka uphelileyo siphehlele i-Operation Phakisa, indlela egxininisa kwiziphumo nejolisa ngqo kwingxaki, kwiindlela esiceba nesiziphumeza ngayo iinkqubo.

i-Operation Phakisa kuqoqosho laselwandle ijolise ekuvuleni amathuba kwicandelo lemikhumbi, elokuloba, elezityalo nezilwanyana zaselwandle, elezemigodi, i-oli negesi, elobuchwepheshe bokusebenzisa izidalwa kunye nelezokhenketho.

Sivumile ukutyala imali ezibhiliyoni ezi-R9,2 kumaphulo okukhangela igesi ne-oli kwizibuko laseSaldanha njengenxalenye yephulo i-Operation Phakisa.

I-Operation Phakisa kwiphulo i-Scaling Up the Ideal Clinic ijonge ukugxininisa indlela yokusebenza engachithi xesha, eyenza umahluko nesemgangathweni ophezulu eziklinikhi.
Siza kuzama ukusebenzisa i-Operation Phakisa kwicandelo lezemigodi. Ndicele urhulumente ukuba asebenzisane necandelo lezemigodi kuziwe nezisombululo eziza kuba lulutho kubo bonke abachaphazelekayo ukuze kuqaliswe inkqubo yokuxhamlisa kwizimbiwa zeli.

Bantu bakuthi nezihlobo,

Kule minyaka mihlanu idlulileyo urhulumente usebenze kakhulu kwicandelo lezempilo.

Kulo nyaka siza kuqalisa ngeyona nkqubo yakhe yabanzi silwe nesifo sephepha (i-TB), sigxininise kakhulu kwiindawo ezintathu, kumabanjwa kumaziko eeNkonzo zoLuleko okanye iijele, abasebenzi mgodini nakwimimandla emelene neendawo ezinemigodi.

Kwidabi lokulwa ubhubhane weNtsholongwana kaGawulayo kunye noGawulayo, inkampani yamachiza karhulumente, iKetlaphela, sele imiselwe kwaye iza kuncedisa kumsebenzi wokunikezelwa kwezidambisi zentsholongwane kaGawulayo kwiSebe lezeMpilo.

Somlomo noSihlalo,

Kufuneka siqhubekeke sisebenzisana nangakumbi ukulwa ulwaphulo-mthetho nokwenza iindawo ezihlala uluntu zikhuseleke.

Ikhona inkqubela ebonakalayo kwidabi lokulwa ulwaphulo-mthetho olujoliswe kwabasetyhini nakubantwana.

ICandelo loPhando lobuNdlobongela emaKhaya, uKhuseleko lwabaNtwana kunye namaTyala ezeSondo labeNkonzo zesiPolisa zoMzantsi Afrika (i-SAPS) ligwebe abenzi bolwaphulo-mthetho olujoliswe kwabasetyhini nabantwana izigwebo zobomi entolongweni ezingama-659.

Sililizwe eliphantsi lolawulo lentando yesininzi kwaye wonke umntu unalo ilungelo lokuqhankqalaza. Kodwa kunjalo siyababongoza abo bathatha inxaxheba kwimingcelele yokuqhankqalaza ukuba mabangaphuli umthetho kwaye imingcelele yabo mayibe nocwangco njengoko noMgaqo-siseko usitsho.

Amapolisa anceda azisa ucwangco kwiziganeko zodushe esidlangalaleni ezazixeliwe ezingama-13 575, eziquka ezili-1 907 ezinxulumene noqhankqalazo kunye nezingama-11 668 ebezinenzolo.

Idabi lokulwa urhwaphilizo liyaqhuba likhokelwa yiKomiti yabaPhathiswa yokuLwa uRhwaphilizo.

Urhulumente umisele amaziko asixhenxe okulwa norhwaphilizo, imithetho eli-17 nayo equlunqelwe ukulwa norhwaphilizo. Oku kubonakalisa iinzame ezingqingqwa ezenziwa ngurhulumente ukusiphula neengcambu lo mkhuba uligqibayo eli lizwe.

Ngonyaka-mali wama-2013/14, abantu abangama-52 babanjwa bagwetywa ngenxa yamatyala abandakanya imali ezizigidi ezi-R5.

Abasebenzi bakarhulumente abangama-31 babanjwa bagwetywa kwikota yokuqala yowama-2014/15 kwaze kwafunyanwa imiyalelo yenkundla yokuba kuvalwe ii-akhawunti ezinemali exabisa izigidi ezingama-R430.

Ukunqanda urhwaphilizo nokukhuthaza ulawulo olululo, ngeyoMnga ndatyikita ndiphumeza uMthetho wokuLawula nokuPhatha kuRhulumente wona ovala abasebenzi bakarhulumente ukuba bashishine noMbuso.

Bantu bakuthi,

Urhulumente uthathe amanyathelo aqatha nahlanganisiweyo ukulwa umkhuba obuhlungu wokuzingelwa ngaphandle kwemvume kubulawe imikhombe kweli lizwe.

La manyathelo okungenelela aquka amaphulo aqhutywa namazwe achaphazelekayo angabamelwane, ukuphucula indlela okuqokelelwa ngayo ulwazi ngamayelenqe abaphuli-mthetho kwakunye nokuqinisa ukhuseleko kwimiyezo yezilwanyana kwakunye nemizi yezilwanyana yamaphondo enemikhombe.

Mde umgama urhulumente asele ewuhambile ukuseka i-Arhente eLawula imiDa ukukwazi ukulawula nokubeka phantsi kweliso amazibuko neendawo zokungena kweli lizwe nokuphucula ukhuseleko. Ukuze abantu bakwazi ukufumana ngokungcono iincwadi-zazisi, ukusuka kulo nyaka abemi beli baza kukwazi ukufaka izicelo zeKhadisazisi lale mihla,  kwibhanki zabo kuba iSebe leMicimbi yezeKhaya linesivumelwano sentsebenziswano nebhanki ezithile kweli.

Somlomo noSihlalo,

Ukwakha isizwe esinenkathalo, esisebenzayo nesisabelayo kwiimfuno zoluntu kuza kuhlala kungumba ophambili.

Kwi-SoNA yowama-2014, ndathi siza kuqhubekeka sizama ukuphucula ubomi babantu abakhubazekileyo. KweyoMnga kulo nyaka uphelileyo, iKhabhinethi yakhupha uyilo loMgaqo-nkqubo weSizwe wamaLungelo wabaKhubazekileyo ukuba uluntu luhlomle kuwo.

Bantu bakuthi,

Oorhulumente basemakhaya bayingxaki yethu sonke. Kufuneka siqinisekise ukuba basebenza ngokufanelekileyo.

Siphehlele inkqubo i-Back to Basics ngeenjongo zokukhuthaza ulawulo olululo nolufanelekileyo norhulumente osebenza ngokwenza umahluko ngokuphungula ilahleko, ukusebenzisa iimali zikarhulumente ngobunono, ukuqesha abantu abawaziyo umsebenzi, nokuqinisekisa ukuba zonke izinto ziselubala kwaye oomasipala bayaphendula ngezenzo zabo.

IsiCwangciso-sikhokelo esiHlanganisiweyo sokuPhuhlisa iiDolophu esaziswa kwi-SoNA yalo nyaka uphelileyo sivunyiwe yiKhabhinethi.  

Bemi boMzantsi Afrika,

Ukufaka isandla kulwakhiwo lwe-Afrika engcono, uMzantsi Afrika uyaqhubeleka ukunika inkxaso kumaphulo oxolo nokhuselo kunye nokuhlanganisa uqoqosho lwemimandla eyahlukeneyo yeli lizwekazi.

Oku kuze neziphumo ezibalulekileyo ezininzi.

UMkhosi we-Afrika wokuSabela ngokuKhawuleza kwiiNgxwaba-ngxwaba (i-ACIRC), uMzantsi Afrika olilungu elifaka isandla nolelinye lamazwe awusekayo, ngoku uyasebenza.

UMkhosi woKhuselo woMzantsi Afrika (i-SANDF) nabeNkonzo yezamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) bayaqhubeleka ngokuthatha inxaxheba kumaphulo okuthintela ungquzulwano nokuzisa uxolo kweli lizwekazi.

UMzantsi Afrika nawo uyaqhubeleka ukuncedisa kumaphulo okulamla kwiziganeko zongquzulwano eLesotho, eSri Lanka naseSouth Sudan, akhokelwa nguSekela Mongameli.

Intsebenziswano ngezoqoqosho namahlakani ethu kwi-BRICS (i-Brazil, i-Russia, i-India, i-China kunye noMzantsi Afrika) iye yaqiniswa xa izivumelwano zokuqala ezibini beziqukunjelwe kwiNgqungquthela yesithandathu yamazwe akwi-BRICS.

Ezi zivumelwano zezi: isiVumelwano seBhanki eNtsha yoPhuhliso kunye nesiVumelwano sokuSekwa kwesiCwangciso soVimba wokuLalelisela.

Somlomo noSihlalo,

Amazwe atyebileyo aseMantla e-Ikhweyitha asengamahlakani abalulekileyo oMzantsi Afrika athi awuncede ukwazi ukuqoqa nokulunga-lungisa umgaqo-nkqubo wawo wasekhaya nowangaphandle.

Sinesivumelwano esibaluleke kakhulu neMbumba yaseYurophu (i-EU) kwiNkqubo yoTyalo-mali kwiziSeko zoPhuhliso, phakathi kwezinye, exabisa malunga nebhiliyoni e-R1,5.

Ukuhlaziywa koMthetho woHlumo namaThuba e-Afrika usebenze nasemva kweyoMsintsi kowama-2015 kwakunye nezibhambathiso zokuthembisa ukuxhasa amaphulo oxolo akhokelwa ngamazwe ase-Afrika kweli lizwekazi zezinye zeziphumo ezibalulekileyo zeNgqungquthela yeeNkokeli zase-Afrika neMelika eyayibanjelwe eMelika kulo nyaka uphelileyo.

Bantu bakuthi,

Kumba wemibutho yamazwe ngamazwe, unyaka wama-2015 ngunyaka wama-70 weZizwe eziManyeneyo nto leyo isikhumbuzayo ukuba kukho imfuneko yokuzisa iinguqu kwiBhunga lezoKhuselo leZizwe eziManyeneyo nakumanye amaziko amazwe ngamazwe.

Amathambo amaqhawe omzabalazo, uMoses Kotane no-JB Marks aza kubuyiswa aze kungcwatywa kwakhona eMzantsi Afrika ngeyoKwindla.

Sibulela ngokungazenzisiyo kurhulumente nakubantu belizwe laseRussia ngokugcina ngembeko nangesidima amathambo amaqhawe ethu iminyaka emingaka.

Kwezemidlalo, iGqiza labadlali boMzantsi Afrika liza kuthatha inxaxheba kwiMidlalo yaMazwe oNke ase-Afrika eza kubanjelwa eCongo-Brazzaville ngowama-2015.

AmaBhokobhoko aza kuthatha inxaxheba kwiMidlalo yoMbhoxo yeNdebe yeHlabathi yeBhodi yoMbhoxo yaMazwe ngamazwe eza kubanjelwa eNgilane ngeyoMsintsi kowama-2015.
Iqela leQakamba loMzantsi Afrika, iiProtea, lise-Australia naseNew Zealand ukuya kuthatha inxaxheba kwiMidlalo yeQakamba yeNdebe yeHlabathi yeBhunga leQakamba laMazwe ngamazwe. Bonke abemi boMzantsi Afrika kufuneka bawaxhase amaqela esizwe njengesiqhelo.

Kufuneka silibulele neqela lebhola ekhatywayo leli, aBafana Bafana. Ndiqinisekile ukuba sonke siyavumelana ukuba kwesi isihlandlo baqhube kakuhle kwakhulu kwimidlalo yokulwela indawo kwitumente yeNdebe yeZizwe zase-Afrika.

Bebebotshwe namazwe anzima kakhulu kwaye balwe kangangoko banakho.

Baqhube kakuhle kakhulu kufuneka sibaxhase. 

Malungu abekekileyo,

Siza kuqhubeleka sikubethelela ukubaluleka kokuphila ubomi obungabeki impilo yakho engozini ngokucela sibongoza abemi beli ukuba bayeke ukutshaya nokusebenzisa utywala neziyobisi kakubi.

Kulo mba, ngomhla we-10 kuCanzibe siza kuphawula uSuku loMbutho weMpilo, umsitho wehlabathi okhokelwa nguMbutho wezeMpilo weHlabathi. Lo mhla ungqamene nowokubekwa ngokusesikweni kukaMongameli Mandela.

Bantu bakuthi
Bemi boMzantsi Afrika,

Kuninzi okwenziweyo kulo nyaka uphelileyo. Sikholelwa kukuba isicwangciso samanyathelo okungenelela esinamanqaku asithoba okungenelela kuqoqosho aza kuqinisekisa ukuba konke oku sikwenzileyo akuphephetheki nomoya koko kuyabonakala kuze kukhwezele uhlumo olufuneka kakhulu kuqoqosho.

Kulo nyaka woXwebhu lweNkululeko kunye noBumbano kuSetyenzwa ngeeNjongo zokuGxininisa iNkululeko yezoQoqosho, siyazibophelela ukuba siza kumanyana sisebenze ngokuzinikela ukuze siqinisekise ukuba eli lizwe lethu lithe ngcembe kwindlela eya empumelelweni.

Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika phambili!

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore