Isicelo se visa

Ukuba ngaba ufuna ukutyelela uMzantsi Afrika, kufuneka uveze i-visa esemthethweni phambi kokuba ube nokungena kweli lizwe. I-visa ikhutshelwa utyelelo lwezokhenketho okanye lweenjongo zezoshishino kwaye isebenza ixesha elingangeentsuku ezingama-90.

Amanye amazwe afumene uxolelo kulawulo lwe-visa, oko kuthetha ukuthi abemi abavela kulo mazwe akadingi visa ukuze atyelele uMzantsi Afrika.

Ii-visa azikhutshwa kumazibuko okungena eMzantsi Afrika, kwaye amagosa eenqwelo-moya kufuneka anyanzelise ukuba azibone ii-visa phambi kokuba avumele abakhweli bangene ngaphakathi. Ukuba ngaba ufika ungenayo i-visa, amagosa ongenelelo ayanyanzeleka  ukuba akuxhome kuhamba lwenqwelo-moya ejikayo ebuyela kwilizwe lakowenu. 

Ngokuxhomekeke kuhamba ojolise kulo, ungafaka isicelo se-Visa yeeNdwendwe okanye i-Visa yokuDlula.

Fumana okuthe vetshe malunga:

okanye qhagamshelana neSebe leMicimbi yezeKhaya.

 

 

Share this page