INtetho yeLizwe kaMongameli waseMzantsi Afrika, uThabo Mbeki: kwiPalamente eDibene Yonke

9 eyoMdumba 2007

Mam'uSomlomo wePalamente kaZwelonke;
Sekela-Somlomo wePalamente kaZwelonke kunye noSekela-Sihlalo we-NCOP;
Sekela-Mongameli weRiphablikhi;
Zinkokeli ezihloniphekileyo zamaqela ezopolitiko kunye namaLungu aBekekileyo ePalamente;
Baphathiswa nooSekela-baPhathiswa;
Ntloko yezoBulungisa yethu ebekekileyo kunye namalungu ezoBulungisa;
ZiNtloko zeeNkonzo zethu zoKhuseleko;
Rhuluneli yeBhanki enguVimba;
Mongameli uNelson Mandela noMama uGraca Machel;
Mongameli u F.W. de Klerk noMama uElita de Klerk;
ZiNkulumbuso ezibekekileyo kunye nooSomlomo bamaPhondo ethu;
BoSodolophu neenkokeli zikarhulumente wethu wamakhaya;
Zinkokeli zethu zemveli ezihloniphekileyo;
Zintloko zemibutho karhulumente exhasa urhulumente wesininzi wethu osemthethweni;
BaQondisi-Jikelele nezinye iinkokeli zeenkonzo zoluntu;
Nina baHloniphekileyo, baZakuzeli bamazwe kunye nabaKomishoni abaPhezulu;
Zindwendwe ezihloniphekileyo, bahlobo namaqabane;
Bantu baseMzantsi Afrika:

Ngethuba lokusweleka kukaMama uAdelaide Tambo, besisazi ukuba ubesandula kukhululwa esibhedlele. Kodwa, kuba besisazi nokuba ubenokuqina okusemoyeni nasemandleni kokuzimisela ukuba lijoni phakathi kwabaphilayo, siye sazimisela ukumamkela yena namanye amalungu osapho lwakhe njengeendwendwe zethu kulo msitho ukubaluleka kunje. Kodwa loo nto ayenzekanga. Ngomso siya kube simnika imbeko yethu yokugqibela xa sibeka amathambo akhe. Ngoko ke uya kube ekunye nathi ngokomoya ngeyeDwarha kulo nyaka, xa sibhiyozela iminyaka engama-90 wazalwayo umyeni wakhe, uyise wabantwana bakhe, umlingane wakhe, iqabane lakhe, kwakunye nonyana owaziwayo woluntu lwethu, u-Oliver Reginald Tambo. Siyaphinda kwakhona, sidlulisa amazwi entuthuzelo kusapho lwakwaTambo.

Noko kunjalo, ndivakalisa ngovuyo ubukho apha phakathi kwethu ngale ntsasa boHloniphekileyo uAlbertina Luthuli, intombi yomWongwa wethu wokuqala weMbasa yoXolo, uNkosi uAlbert Luthuli, nesikhumbula ukusweleka kabuhlungu kwakhe kulo nyaka, sikhumbula olo suku lulusizi, xa kwakhutshwa iingxelo zokuba utyunyuzwe nguloliwe ondlandlathekayo kumasimi omwoba aKwaDukuza. Ukusweleka kwakhe kwakusothusa yaye kungakholeleki nanjengoko ubomi bakhe babuyinkwenkwezi esikhokelela kule nkululeko siyonwabeleyo namhlanje.

Ndiziva ndinegugu neqhayiya ngokuba uMzantsi Afrika wolawulo lwesininzi ukwazi ukuba novakalelo ngokwaneleyo lokuba ukhumbule okwenzelwa isizwe nguAlbert Luthuli noOliver Tambo ngokubiza ngabo iiMbasa zethu zeLizwe - iMbasa kaLuthuli, kunye neMbasa yobuHlobo kaO.R. Tambo. Ndiyakuqonda ukuzingca kwalowo onyuselwe wabekwa kula manqanaba ezi Mbasa zeLizwe zikubaluleka kunje. Ndikwavuyiswa kukwamkela apha kule Ndlu amaqhawe eMatshi yamaKhosikazi ka-1956 kunye nawemiGushuzo yaseSoweto ka-1976 nahleli kwindawo yoMongameli, ngokunjalo namaqhawe ahloniphekileyo ethu asuka kuwo onke amaphondo ethu, naphakanyiswe ngooSomlomo bethu bamaPhondo ukuba abe yinxalenye yeqela leendwendwe ezibalulekileyo ezisikhuse amagxa namhlanje.

Urhulumente wabantu baseMzantsi Afrika, nendithetha egameni lakhe apha namhlanje, njengoko ndibe nethamsanqa lokwenza njalo kwiminyaka edlulileyo, wasekwa ngo-1994, emva koLonyulo Jikelele lwaloo nyaka.

KwiLekgotla okanye iBosberaad kaJanyuwari yaminyaka yonke kule nyanga iphelileyo, iKhabhinethi kaZwelonke ehleli encotsheni karhulumente endinethamsanqa lokumongamela, iye yakhumbuzana ukuba loo ntlanganiso yayo ibiphawula isiphakathi sobomi bukarhulumente owazalwa ngokhetho lwethu lokugqibela, luka-2004. Emva kokuba iqondiwe loo nto, kuye kwazenzekela ukuba sizibuze umbuzo wokuba - sesiqhube kangakanani na kwimizamo yethu yokufezekisa iinjongo esazixelela isizwe sethu, ngokunyanisekileyo, ukuba sizimisele kuzo, nekwathi ngenxa yazo abantu bethu basinika igunya elingathandabuzekiyo lokulawula ilizwe lethu ukususela ngo-2004 kude kube lulonyulo olulandelayo ngo-2009!

Ngemvume yenu, ndingathanda ukubuya umva kancinci, ndikhumbuze ngesakuthetha ngo-2004, singabameli babantu bethu, phambi kwabahlobo bethu abasuka kwihlabathi jikelele, ababehleli kwisihlalo sethu soburhulumente kwiZakhiwo zoManyano eTshwane, ngoSuku lweNkululeko, xa sasikhumbula iminyaka elishumi yenkululeko yethu, nokuthatha kwethu inxaxheba kuBeko ngokuseSikweni loMongameli weRiphablikhi, owayekhethwe yiPalamente yethu, ihlonipha intando yabantu neyaboniswa ngobuninzi ngolonyulo luka-2004.

Inxalenye yento esayithethayo kuloo mnyhadala yaba kukuba:
"Ilizwe lethu likhe lagcina kulo yaye lamela okuninzi okungcolileyo nokungafunekiyo eluntwini ...

"Yayiyindawo apho ukuzalwa untsundu yayikukufumana ilifa lesiqalekiso sobomi bakho bonke. Yayiyindawo apho ukuzalwa umhlophe yayikukuthwala umthwalo ongothulekiyo woloyiko nomsindo ofihliweyo ...

"Yayiyindawo apho ukungcola, ivumba elitsarhayo lobuhlwempu, iindawo ezihamba amanzi amdaka ezivulekileyo, ukubola okunevumba, amaqela ngamaqela onxunguphalo, imifanekiso engapheliyo yomhlaba ogcwele yinkukuma elahlwe nje, apho kwakucingelwa ukuba umba wemfuneko yokuphucula ubuhle belinye ilizwe lezitrato ezicocekileyo, neendlela ezihonjisiwe ngokhuni, nokudubula kweentyatyambo okuncedisana nengca eluhlaza yaka ngathi iyadlisela, neentaka kwakunye nezindlu ezifanele iikumkani neekumkanikazi, kunye nomculo ombambazelayo, nothando.

"Yayiyindawo apho ukuhlala kwiindawo ezithile yayikukuzibizela ukwenziwa ixhoba ngabanye okanye umntu azigxeke ngokuxhaphaza abanye, abamelwane onokuba nabo benokuba ngamaxhoba okulawulwa butywala neziyobisi nezazinciphisa intlungu yokuphila, ababesazi ukuba ubomi babo abunakuba bobuqhelekileyo kungakhange kubekho kufa, kudlwengula nemilo enzima engenasizekabani.

"Yayiyindawo apho ukuhlala kwiindawo ezithile yayikukonwabela ukhuselo nokhuseleko kuba ukukhuseleka kwakuthetha ukukhuselwa ziindonga ezinde, amacingo ombane, izinja ezingabakhuseli, amapolisa

"Sihlangene apha namhlanje, ngoMhla weNkululeko, kuba ngokuhamba kwamaxesha, abantu bethu, bekunye nezigidi-gidi zabantu kwihlabathi jikelele, abangamaqabane eemfazwe nabamelwe ziindwalutho zeendwendwe zethu, bafikelela kwisigqibo sokuthi - mayiphele yonke loo nto! ...

"Sikhuthazeke kakhulu kukuba uLonyulo Jikelele lwethu kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, luye lwaqinisekisa ukuzimisela kwabantu bethu, nokuba ngabaluphi na uhlanga, ibala nobuzwe, ekusebenzisaneni ukwakha uMzantsi Afrika obambisene ngephupha elinye... Â "Akukho nanye kwezi ngxaki zasekuhlaleni ekufuneka sizisombulule enokusonjululwa ingajongwanga imeko yokuveliswa kwemisebenzi nokunciphisa kwanokulwa nobuhlwempu. Oku kuhambelana nayo yonke into, ukusuka kuphuculo lwempilo yabantu bethu, ukuya ekuncitshisweni kwezinga lolwaphulo-mthetho, kuphakanyiswa amazinga okukwazi ukufunda nokubala, kukwavulwa neengcango zokufunda nenkcubeko kumntu wonke...

"Siyathembisa kuwo onke amaqhawe namaqhawekazi ethu awazincamayo ngenxa yenkululeko yethu, ngokunjalo nakuni, abahlobo bethu abasuka kwihlabathi lonke, ukuba soze singcatshe ukusithemba enikubonise kuthi xa benisinceda nisinika ithuba lokuguqula uMzantsi Afrika ukuba ube lilizwe elilawulwa ngentando yesininzi, elinoxolo, elingenabuhlanga, elingacalu-calulani ngokwesini nelinobutyebi, nelizinikezele kumbono ophucukileyo womanyano lomntu wonke.

"Umsebenzi wokuqala loo Mzantsi Afrika sele uqalile. Loo msebenzi uya kuqhubeka ngokuhamba kweShumi lesiBini leminyaka yeNkululeko yethu.”

Kwiminyaka engamashumi amahlanu yangaphambili, xa babelungiselela ukubamba iNkongolo yaBantu, eyavuma iTshatha yeNkululeko, abanombono ngolo suku babethe, "Masithethe sonke, sonke sisonke - umAfrika nomYurophu, iNdiya noweBala ... bonke abantu baseMzantsi Afrika ... Masithetheni sonke ngenkululeko. Uvuyo olunokubakho kwabasebuhlanti nabasegoqweni xa behlala kwilizwe elikhululekileyo”. Kufuneka namhlanje sihlaziye isithembiso sethu, sokuthetha sonke ngenkululeko, sokusebenza ngokubambisana ukuphumeza ulonwabo lwako konke okuza nokukhululeka, ukusebenzela ukwakha uMzantsi Afrika onephupha elinye, ukuthi, sisebenza kunye, - kwanele ngayo yonke into eyenze ilizwe lethu lagcina kulo yaye lamela okungcolileyo nokungafunekiyo eluntwini!

Kufuneka siqhubeke nokujongana nezinto ngendlela esathetha ngayo xa lo rhulumente uphetheyo ngoku wayeqala ukungena esihlalweni, siqonda kananjalo ukuba "akukho nanye kwezi ngxaki zinkulu zentlalo ekufuneka sizisombulule ekwaziyo ukusonjululwa ngaphandle kwemeko yokuveliswa kwemisebenzi kunye nokuncitshiswa nokupheliswa kobuhlwempu', yaye ngoko ke "iinzame zokuphelisa ubuhlwempu bezisoloko yaye ziya kusoloko ziphala phambili kwimizamo yesizwe yokwakha uMzantsi Afrika omtsha”.

Ukujongana nemfuneko yokukhawulezisa kangangoko ukuqhubeka phambili nokwakha uMzantsi Afrika onombono omnye, urhulumente wethu uzibophelele, esebenzisana nabo bonke abemi boMzantsi Afrika, ekwenzeni iinkqubo ezicacileyo ezijonge:
* ekuphakamiseni izinga lotyalo-mali kuQoqosho olukwiNdawo yokuQala;
* ukunciphisa ixabiso lokwenza ushishino elizweni lethu;
* ukukhuthaza ukukhula kwecandelo lwamashishini amancinci naphakathi;
* ukukhawulezisa inkqubo yokukhuliswa kwezakhono;
* ukuphucula indlela esenza ngayo kunaniselwano namazwe angaphandle, sijonga kakhulu  kwiinkonzo neemveliso ezivelisiweyo;
* ukunyusela imali esiyichithayo kuphando nophuhliso lwezobunzululwazi;
* ukwenza iinkqubo ezicacileyo zokujongana nemiceli-mngeni yoQoqosho olukwiNdawo yesiBini;
* ukwenza iinkqubo zokuqinisekisa ngophuhliso loqoqosho lwabantsundu olubanzi;
* ukuqhuba neenkqubo zokwakha ukhuseleko kwingeniso yoluntu ukwenzela ukujongana neenjongo zokulwa nobuhlwempu;
* ukwandisa ukufikelela kwiinkonzo ezifana namanzi, umbane nogutyulo lwelindle;
* ukuphucula okwenziwa kwezempilo zelizwe ngokubanzi;
* ukuqinisa inkqubo yezindlu;
* ukwenza imizamo eyongezelelweyo zokuvula nangakumbi iingcango zemfundo nenkcubeko;
* ukuphucula ukhuselo nokhuseleko lwabo bonke abemi noluntu;
* ukuqinisekisa ukuba onke amacandelo oluntu enza uxanduva lwawo njengabantu abaphambili ekukhuleni, ekwakhiweni ngokutsha nasekuphuhlisweni kwelizwe lethu;
* ukukhawulezisa inkqubo yokuhlaziywa kwelizwekazi leAfrika; kunye
* nokufaka isandla nangakumbi ekusonjululweni kwemibuzo ephambili ejamelene noluntu lwehlabathi.

Mam' uSomlomo noSihlalo;
Ndinovuyo ukunika ingxelo yokuba, ngokubhekiselele kuso ngasinye kwezi zibophelelo, urhulumente usashiyeka esebenza nzima ukuqinisekisa ukuba iinjongo zesizwe ziyafezekiswa.
Ngomyinge ophakathi ongaphezu kwe-4,5%, izinga lokukhula koqoqosho lwethu kule minyaka mibini inesiqingatha idlulileyo ubukwelona nqanaba liphezulu ukususela oko safumana ulawulo lwentando yesininzi ngo-1994. Utyalo-mali kuqoqosho lwethu, olwenziwa ngamacandelo karhulumente nawabucala belusenyuka ngezinga elimalunga ne-11%, ngelixa inkcitho epheleleyo eyenziwa kwizixhobo zecandelo likarhulumente ibisonyuka ngomyinge ophakathi oli-15,8%. Namhlanje, utyalo-mali olungatshintshiyo olungumyinge weMveliso ePheleleyo eyenziwe kweli lizwe - omalunga ne-18.4% - eyona ndawo iphezulu ukususela ngo-1991.

Inani labantu abaqeshiweyo lonyuke laya kutsho malunga nesiqingatha sesigidi ngonyaka kule minyaka mithathu idlulileyo.
Siyibonile inkqubela ezinzileyo kuphuculo lwabantu abaNtsundu kwezoqoqosho. Sisuka ekubeni netyala elingaphezu kwe-3% yoqoqosho olusisiseko lwe-JSE ngo-2004, oku kunyuke kwaya kutsho phantse kwi-5%; yaye isixa sabaNtsundu abakulawulo oluphezulu sonyuke ukusuka kwi-24% ukuya kuma kwisixa esipheleleyo se-27%. Ngelo xesha ke kusafuneka siwaxhalabele la manani nanjengoko esephantsi ngokumangalisayo.
Ukukhula koqoqosho kuze nemiceli-mngeni emininzi kuthi sonke. Ukunyuka okukhulu nokuzinzileyo kwimfuno yabathengi kubonisa ukukhula okulungileyo kumaqondo obutyebi kuluntu lonke; yaye iiprojekthi zezixhobo ezikhulu ezininzi esizenzayo zifuna ukwenziwa kwezixhobo noomatshini abaninzi.

Kodwa ukulingana kwethu norhwebo lwamazwe ngamazwe kubonisa ukuba asikaphumeleli ekwakheni ukukwazi ukuvelisa abathengisi neemveliso ezingundoqo ezifunwa lilizwe lethu. Ngelixa amatyala ethu angaphakathi onyuke ngenqanaba elilinganayo nokukhula kwengeniso, into yokuba abemi baseMzantsi Afrika belondoloza kancinci ithetha ukuba kufuneka sixhomekeke kulondolozo lwamanye amazwe. Ukuqhubeka kokuhla kwamandla email yethu nako khange kuluthethelele ncam urhwebo lwangaphandle lwethu.

Kule minyaka mithathu idlulileyo, uqoqosho ludale imisebenzi emalunga nesiqingatha sesigidi. Kuyakhuthaza ukuba ngonyaka osuka kweyoKwindla ka-2005 ukuya kweyoKwindla ka-2006 uwodwa, imisebenzi engama-300 000 eyadalwayo yayikwicandelo likarhulumente ngaphandle kwezolimo, nto leyo imele izinga lokukhula eliyi-4%.

Inxenye encinci yale misebenzi ngamathuba emisebenzi esisigxina adaleke ngeNkqubo eyaNdisiweyo yeMisebenzi yoLuntu. Kodwa akukho kuwuthandabuza umba wokuba le nkqubo inakho ukusebenza yaye kufuneka inyuselwe phezulu kangangoko. Akukho mathandabuzo kwinto yokuba singenza ngcono ukudala ukuziqesha ngamashishini amancinci nasakhulayo. Yaye xa sicinga ngokuba uninzi lwabantu abangaqeshwanga lulutsha, singenza ngcono ngokwenza uncedo olufana neNkonzo yoLutsha kaZwelonke kunye nokukhuliswa kwabarhwebi abasakhulayo.

Kuligugu ukuba sibe, ngokuhambelana nokuzinikezela kwethu ekwakheni isizwe esikhathalayo, ukususela ngo-2004 siphucule indlela esinika ngayo iinkonzo kunye neminye imiba ejongene noluntu. Ngelixa abo baxhamla kwindodla karhulumente ababemalunga nezigidi ezisi-8 ngo-2004, namhlane izigidi ezili-11 zabantu abahluphekileyo baseMzantsi Afrika ziyafikelela kule ndodla. Kuyakhuthaza ukuba amazinga okukhula ekunyukeni kwabantu ababhalisela le ndodla, kutsha nje onyukele kumaqondo alawulekayo, ngokuya le nkqubo ikhula. Le nto iza kuqinisekisa ukuzinza, kunye nokuqeshwa kwabanye abantu bakarhulumente abaza kunika iinkonzo zoqoqosho eziza kudala eminye imisebenzi namathuba oshishino.
Inkqubo yolwakhiwo lwezindlu sele ikhuphe izibonelelo zezindlu ezimalunga nama-300 000 ezikhutshwe kule minyaka mibini idlulileyo. Kodwa ke, njengokuba sifuna ukuphucula umgangatho, sakhe izicwangciso zabo baphoswe ziinkqubo ezizayo zecandelo likarhulumente nelabucala, ukwenzeka kwezi zinto kuye kwacotha ngaphezu kokuba bekulindelekile. Kufuneka sisebenze ukuze le meko itshintshe.

Nanjengoko amalungu aHloniphekileyo esazi, kule minyaka imbalwa idlulileyo siyile saza saqala ukwenza iinkqubo ngeenkqubo ezijonge ekuphuculeni izithuthi zikawonkewonke. Zona ke ziquka inkqubo yothengo ngokutsha kweeteksi (itaxi recapitalisation programme) neenkqubo eziqalwa ngamaphondo ezifana neMoloto Rail Corridor eseMpumalanga nalapho sele uqalile umsebenzi wokujonga ukuba iza kuphumelela na, iKlipfontein Corridor eKapa neprojekthi yeGautrain nezinonxulumano nazo zonke iindlela zothutho zikawonke-wonke. Ezi ke, kunye nezinye iinkqubo eziqaliweyo ziyinxalenye yendlela yokwenza yezithuthi zikawonkewonke, edibanisa zombini ezisebenzisa indlela kwanezo zisebenzisa umzila. Siza kujongana nokwenziwa okukhawulezileyo kwezi nkqubo ukuphucula umgangatho wobomi babantu, ngakumbi abasebenzayo.

Ukukwazi ukufikelela kumbane, amanzi nogutyulo kuphuculwe noko. Ngo-2005, uMzantsi Afrika wawusele uyifezekisile iNjongo yoPhuhliso yeMileniyam ngokubhekisele kunikezelo lwamanzi olusisiseko, ufikelelo kuwo luphuculwe ukusuka kuma-59% ngo-1994 lwaya kuma-83% ngo-2006. NgokweNkqubo yoPhuhliso yeZizwe eziManyeneyo (iUnited Nations Development Programme - UNDP), uMzantsi Afrika lelinye lamazwe ambalwa ankcitho yawo yohlahlo-lwabiwo-mali iba ncinci kwezomkhosi ngaphezu kwaleyo yezamanzi nogutyulo. Ngokwamazwi eNgxelo yoPhuhliso lwaBantu ye-UNDP (iUNDP Human Development Report) ka-2006:
"... UMzantsi Afrika ubonise ukuba ilungelo loluntu lamanzi linokusebenza njengesixhobo sokuxhobisa kwanesikhokelo kwipolisi... Uphuculo lwamanzi afumaneka ngokwaselungelweni kuwenze wandisa ufikelelo emanzini waza waphelisa imbali yokungalingani ngokobuhlanga okwakufunyenwe kurhulumente wocalucalulo, inxenye yako ikukubiza abantu ngokuselungelweni". (pp62/63)

Ngokwenene kufuneka siyibhiyozele le mpumelelo inkulu kangaka. Kodwa ke kuyinyani ukuba izigidi ezisi-8 zabantu azikabinawo amanzi afumaneka lula. Uninzi lwabo alunawo umbane nogutyulo.
Siyazingca ngokuba kunyaka omnye, sikwazile ukunciphisa ukupheliswa kwendlela yamabhakethe ebisesemva ngokumalunga nesiqingatha ematyotyombeni. Sisendleleni yokuyiphelisa le ndlela ijongela phantsi isidima sabantu kwezi ndawo ekupheleni kwalo nyaka. Siza kuqhuba nokujongana nale miceli-mngeni ukuze sikucime kuphele okungcolileyo nokungafunekiyo elizweni lethu ukuze sonke sithethe ngenkululeko nolonwabo oluza nayo.

Ukujongelwa kufutshane kokufumaneka kwemfundo nezakhono kubonisa ukuphucuka okukwinqanaba eliphezulu ngo-2004, nangona kuhamba ngonyawo lonwabu nje. Le nto ibhekisa kumanqanaba okukwazi ukufunda nokubhala, ukubhalisa ngamanani aphezulu ezikolweni kwakunye namazinga okuthatha inxaxheba kumaziko emfundo ephakamileyo. Amazinga angazinzanga empumelelo yeMatriki ayakubonisa ukuba kusekuninzi ekusafuneka kwenziwe ukuzinzisa le meko nokuqinisekisa ngokuphucuka okuqhubela phambili. Kwangaxeshanye, inani labafundi abaphumelela iMatriki bephumelela iziBalo zesigaba esiphakamileyo lingcono kancinci kunelo lango-1995. Sisaqhubeka nokubonakalisa ukuba buthathaka ekwenzeni inkqubo yeMfundo esisiSeko yabaDala.

Ngelixa inkqubo yokubuyiselwa komhlaba iye yaneempumelelo ezininzi kutsha nje, kusafuneka sizame nangakumbi ukujongana namatyala asaseleyo, nelunzima kakhulu uninzi lwawo. Kwelinye icala, incinci kakhulu inkqubela eyenziweyo ngokubhekiselele ekwahlulwahlulweni komhlaba. Siza kujonga ngocoselelo ezi meko ziyibuyisela umva le nkqubo ukuze ikhawuleziswe ngokukhawuleza. Zonke ezi nkqubo zoqoqosho nezoluntu ziyinxalenye yendlela yethu yokunciphisa nokuphelisa ubuhlwempu obuqhubekayo nobuswantsulisa abantu bethu. Umsebenzi owenziwe ekuqhubeni kwalo nyaka uphelileyo, ngoomama bewenza ngombutho wooMama baseMzantsi Afrika kwiNgxoxo (iSouth African Women in Dialogue) nosebenza namasebe ngamasebe karhulumente, kuquka utyelelo kumazwe afana neTunisia neChile apho kwenziwe inkqubela eninzi ekulweni nobuhlwempu, uyakubonisa ukusilela kukarhulumente wethu kule meko. Ngokwamava aba bathunywa, kucacile ukuba phakathi kwezinye izinto kufuneka:
*Ukucaciswa gca kwezinga lendlala leli lizwe lethu;
* Ukwakhiwa kweenkcukacha ezigciniweyo zemizi ephantsi kwesabhokhwe sendlala;
* Ukuchongwa nokwenziwa oncedo oluthile olufanelekileyo kuloo mizi;
* Ukukhangelelwa kufutshane kwenkqubela yale mizi njengoko ikhutshwa endlaleni yinkqubo leyo iqalisa ukusebenza;
* Kule meko, ukujongana nako konke ukuhlupheka, ngakumbi uninzi loomama abachaphazeleke kakhulu;
* Ukukhokela nokulungelelanisa zonke iinkqubo ezilwa nendlala ukwenzela ukunyusela ifuthe lazo kwanokunqanda inkcitho engeyomfuneko kwanokuphindaphindwa kokwenziwa kwento enye; kunye,
* Nokukhawuleziswa kokuqeqeshwa kooNontlalontle bamaKhaya kumanqanaba engqeqesho ngokwemfundo kwanancedisayo ukuqinisekisa ukuba loo mizi ichongiweyo ixhaswa yaye ilandelelwe ngokufanelekileyo.

Le nto iza kuqinisekisa ngokunxulunyaniswa kwabo baxhamla kuncedo lwezentlalo neenkonzo zikamasipala kwanamathuba emisebenzi, ajongene nalo msebenzi ngokuqhubekayo ukuqinisekisa ukuba baninzi kangangoko abantu abaphumayo ekuxhomekekeni kwindodla karhulumente baye kuziphangelela. Okwangoku, siza kuqhubeka nokujonga izinto ezintsha ezinokuqalwa neziya kuqhubeka nokuphucula imeko yoluntu. Eyona nto iphambili kolu ncedo loluntu kufuneka ibe kukuqinisa iinzame ezibambeneyo ezizama ukuphucula ukubambana koluntu kubo bonke abemi boMzantsi Afrika.

Kulo nyaka wokukhunjulwa kweminyaka engama-60 yeSithembiso sooGqirha (Doctors Pact) seenkokeli zoluntu lwama-Afrika namaNdiya (u-AB Xuma, GM Naicker noYusuf Dadoo), iminyaka engama-30 yokubulawa kukaSteve Biko kunye neminyaka engama-20 yotyelelo lweengqondi zamaBhulu eDakar ukuya kudibana ne-ANC, umba wobuwena obahlukeneyo kunye nokuba ubani ungowaluphi na uhlanga eMzantsi Afrika kufuneka kujongwe kuzo zonke iintlanga, ngendlela eqinisa umanyano njengesizwe. Kwakhona, kwakulo mba, ukukhunjulwa kweminyaka engama-30 yokuvalwa kwamaphephandaba iThe World neThe Weekend World, sinyanzelekile ukuba sizibuze umbuzo othi - ngaba siluqonda ncam na uxanduva lwethu lokwakha umanyano lwesizwe nokukhuthaza ukuzixelela ukuba ubani ungowaluphi na uhlanga okufanayo, ngokwenjenjalo siqinisa isincamathelisi esibumba isizwe sethu.

Ngamanye amazwi, iindlela ezifunekayo zokuphucula umanyano loluntu azinakwenziwa ngurhulumente yedwa. Kufuneka sisonke njengabemi boMzantsi Afrika sithethe ngenkululeko kwiimbophelelo zeminqweno nokubola kwezimilo, size sisebenzele ukufumana ulonwabo oluza nayo. Mam' uSomlomo noSihlalo; Ndiqinisekile ukuba siya kuvumelana sonke ukuba ukusebenza kunye ukuzama ukufezekisa ulonwabo oluza nenkululeko kungena ngokufanayo kumceli-mngeni wokujongana nolwaphulo-mthetho. Sathi kuMthetho osaXoxwayo we-RDP ka-1994 (kwi1994 RDP White Paper):
 "Ukukhuthaza uxolo nokhuseleko kuya kuquka wonke umntu. Kuya kwakhela kwandise intshisakalo yesizwe yokwakha uxolo siphelise ubundlobongela obungapheliyo olujamlene nabo uluntu... kujongwa kakhulu kwiintlobo ezithile zobundlobongela abathi bajongane nabo oomama...

 "Uxolo nozinzo kwezopolitiko ikwazizinto eziphambili kwiinzame zikarhulumente zokwakha indawo evumela ukwenziwa kwezinto nekhuthaza utyalo-mali... iintshukumo ezicwangcisiweyo ziya kwenziwa ukuphelisa ukungabinamthetho, ukuthutyeleziswa kweziyobisi, ukuthengiswa kwemipu, ubundlobongela, ngakumbi ukuxhatshazwa koomama nabantwana."
Ngokuqinisekileyo, asinakukucima kuphele okungcolileyo size sibange ulonwabo oluza nenkululeko, ukuba uluntu lwethu luhlala ngoloyiko, luvaleleke ngaphaya kweendonga ezinkulu neengcingo ezihlabayo, lusoloko lunexhala emakhayeni alo, ezitratweni nasezindleleni zethu, lungakwazi ukonwabela ngokukhululekileyo iindawo zethu zoluntu. Ngokucacileyo, kufuneka siqhubeke siphindi siqinise nangakumbi ukulwa nolwaphulo-mthetho.

Ngelixa sele sigqithile kwinani ebesijonge kulo lamapolisa ali-152 000 aqeshwayo kwiNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika, yaye kwangeli lixa siyiphuculeyo inkqubo yethu yoqeqesho, siyayibona into yokuba ifuthe lale nto alikabi likhulu ngokwaneleyo ukuba wonke umntu azive enokhuselo nokhuseleko olungcono. Ngelixa sizinciphisileyo izehlo zolwaphulo-mthetho oluninzi olwenzeka ngokudibana kwabantu (contact crime), elona zinga lokuncitshiswa kwazo ngokubhekiselele kuluhlu olufana nokuqhekezelwa, ukuxhatshazwa ngokubethwa nokubulawa zisengaphantsi kwesi-7-10% ebesijonge kuso. Luze uxhatshazo loomama nabantwana luqhube ngelona zinga lingamkelekiyo konke.

Ukunyuka kwezehlo zolwaphulo-mthetho oluthile ngamathuba ogwayimbo lwabasebenzi bezokhuselo kufanele ukuba kusixelele sonke ukuba icandelo lezokhuselo alinakugcinwa lingumcimbi wabucala wecandelo labucala. Kucace gca ukuba indlela yokulawula esinayo ayanelanga. Le nto ibhekisa kwimiba efana namanqanaba emivuzo, iindlela zokuphanda abasebenzi, ukunyanzeliswa kwezikhokelo zezithuthi ezihambisa imali, njalo njalo. Lo ngumcimbi esiza kuwuhlola ngokokuhamba konyaka, ukuze, ukongeza ekuphuculeni umsebenzi wamapolisa, sibe nokuthi sikunye nequmrhu lezokhuselo labucala, sidale indawo eyandisa ukufezekiseka kokhuselo olulindelwe luluntu nolukhusela izixhobo ezikhulu.

Siza kuphinda siqhubeke nokwandisa iinzame zethu ekuphuculeni ukusebenza kweenkundla zethu, ukwandisa izinga lokuncitshiswa kokuxinga kwamatyala. Siza kuqinisekisa nokuba izigqibo zokwandisa izixhobo zeeNkonzo zoLungiso-zimo, ukuphucula ukulawula koLawulo lweMida, ngokunjalo neenkonzo zokungena elizweni kunye namaxwebhu ako, ziphakathi kwezinto ezenzekayo.

Uninzi lwezinto ezisenza sibe buthathaka ekuphuculeni iinkonzo esizinika uluntu luvela, phakathi kwezinye izinto, emandleni nakwiindlela zethu zokwenza ezingonelanga ukukubeka iliso ukwenziwa kwezinto. Ngenxa yoko, kwisithuba esiya ku-2009, umba woququzelelo nokunikwa amandla kukarhulumente uya kusoloko uphezulu kwiinkqubo zethu.

Into eye yabonakala, phakathi kwezinye, njengendawo efuna uncedo olukhawulezileyo luqeqesho oluya kufunyanwa ngabasebenzi bakarhulumente kumaziko ohlukeneyo kwakunye nenxaxheba yeZiko loPhuhliso loLawulo loMzantsi Afrika (iSA Management Development Institute - SAMDI) neyeyona bekufanele ukuba ngoyena mniki-nkonzo uphambili kuquka noqeqesho loninzi lwabasebenzi bakarhulumente.

Amazinga okulandela imithetho kumasebe, ngokubhekiselele kwinkonzo karhulumente nomthetho wolawulo lwezimali, ebenokuxuba okuthile. Ngokucacileyo, le nto ayinakuvunyelwa ukuba iqhube, nokuba sesikuthathela ingqalelo ukuqatshelwa okuchanekileyo kokuba iimfuno zophicotho-zincwadi kumanqanaba esizwe namaphondo ziye zangqongqo kangakanani na. Ngoko ke, ukwenziwa kwendlela yokwenziwa kwesivumelwano kufuneka ngamandla, ngakumbi kubalawuli abaphezulu.

Iinkqubo zokuphucula ukukwazi ukusebenza kwendlela yokulawula koorhulumente basemakhaya bethu zisaqhuba ngokuzolileyo. Kanye emva kolonyulo loorhulumente basemakhaya leyoKwindla ka-2006, iinkqubo zoqeqesho ezenziweyo, zithathela ingqalelo ukuba ama-62% oosodolophu basetsha.

Into exhalabisayo kukuba kuninzi lwaba masipala, izithuba ezininzi zisekhona okanye ziye zavela kulawulo oluphezulu kunye noqeqesho lwakumaziko emfundo. Ngokomzekelo, ngeyoMsintsi kulo nyaka uphelileyo, ama-27% oomasipala babengenabo abalawuli boomasipala; kwiPhondo lasemNtla-Ntshona, izinga lezithuba zemisebenzi kulawulo oluphezulu lalingaphezu kwama-50%; ngelixa eMpumalanga yaba yi-1% kuphela yabalawuli abaphezulu abazigqibayo iziVumelwano eziPhambili zokuSebenza (Key Performance Agreements). Siyaqhuba nokujongana nale miceli-mngeni yaye siya kwenza konke okusemandleni ethu, sincedwa sisiKhokelo seMinyaka emiHlanu seNdlela yokuSebenza yooRhulumente basemaKhaya (iFive Year Local Government Strategic Agenda), nesiquka uncediso olucacileyo loomasipala ngamaqela kazwelonke nowamaphondo, ukusasazwa kwabasebenzi abanezakhono, kuquka neengcali ezizinikezelayo ezisuka kuluntu ngokubanzi, ukuqiniswa kweeKomiti zeeWadi - ngama-80% azo asekwe kwilizwe jikelele.

Inkqubo yokulungelelanisa izixhobo zokucwangcisa kuwo onke amacandelo karhulumente (oko kukuthi, iNdlela yoPhuhliso lweNdawo lukaZwelonke (iNational Spatial Development Perspective), iiNdlela zoKhuliso noPhuhliso lwePhondo (iProvincial Growth and Development Strategies) kunye neziCwangciso eziDibeneyo zoPhuhliso (iiIntegrated Development Plans) isaqhuba, iiprojekthi zokulinga ulungelelwaniso olupheleleyo zisaqhutywa kwizithili nezithili ezimbaxa zethu ezili-13. Ezi projekthi zilingwayo kufuneka zibe zigqityiwe ekupheleni kwalo nyaka.
Kungerekhodi esizidlayo ngalo ukuba ngaphezu kwesiqingatha sezithili nezithili ezimbaxa sele zizenzile iiNdibano eziNkulu (iiSamithi) zazo zoPhuhliso noKhuliso, yaye eziseleyo zizimisele ukuyigqiba le nkqubo ekupheleni kweyoMdumba. Le nto iya kusose ibeke isiseko sokusebenzisana kwabo bonke abalingane basekuhlaleni ekukhawuleziseni uphuhliso loqoqosho lwasekuhlaleni.

Malungu aHloniphekileyo;

Ndingathanda ukuthatha eli thuba lalo msitho ukugqithisa ongazenzisiyo umbulelo kuSekela-Mongameli uPhumzile Mlambo-Ngcuka ngobunkokeli obukhuthazayo athe wabubonakalisa ekwenziweni kwesiQalo soHlumiso oluKhawulezileyo noLwabelanayo (iAccelerated and Shared Growth Initiative - AsgiSA), esebenzisana nabaPhathiswa neeNkulumbuso ezenza iQela eliThunyiweyo (iTask Team), elijongene ngokubonakalayo nemiba eyodwa efuna ukwenziwa ukuqinisekisa ngamazinga aphezulu nangakumbi otyalo-mali kwanokutsala umdla wabasebenzi, ngokunjalo nemiba efana nophuhliso lwezakhono kunye nokusebenza ngokwanelisayo kukarhulumente. Siyibulela kakhulu inxaxheba yawo onke amaLungu esiGqeba seLizwe kunye nabaphathi babasebenzi bethu, kuwo omathathu amacandelo karhulumente, ngokukhokela le nkqubo nokwenza inkqubo karhulumente xa iyonke. Le nto ibalulekile kwiinzame zethu zokucima oko kungcolileyo nokungafunekiyo kuluntu lwethu ukuze sonke sithethe ngenkululeko nolonwabo oluza nayo.

Ngoko ke, ukuze sikukhawulezise nangakumbi ukwenziwa kwe-AsgiSA, ukongeza kwiinkqubo zeminyaka emininzi ezisandula kwaziswa kutsha nje, kulo nyaka urhulumente uza kuthi:
* agqibezele inkqubo yokuhlola amava eli lizwe ekwenziweni kwezibonisi zoqoqosho lwamashishini amakhulu ezifana namaZinga *Tshintshiselwano, amazinga okunyuka kwamaxabiso nenzala, ukwenzela ukuyila iindlela eziya kuncedisana nokukhula kwamashishini amakhulu avelisa iimveliso ekunokurhwetywa ngazo kwiintengiso zalapha kweli lizwe nangaphandle, yaye zikwazi ukutsala umdla wabasebenzi abaninzi abanezakhono ezingephi.
* ngokuhambelana neSakhelo seNkqubo yoRhwebo lukaZwelonke (iNational Industrial Policy Framework) esele sigqityiwe ngoku, siza kuthi:
- sikwenze luqilima ukwenziwa kweendlela zecandelo elicwangcisiweyo zokuncedisa utyalo-mali kuLwenziwo lwangaphandle lweNkqubo yoShishino (iBusiness Process Outsourcing), ukhenketho, amafutha endalo (iibio-fuels) kunye neekhemikhali, size sigqibezele iinkqubo ezenzekayo zamahlathi namaphepha, ezeempahla namalaphu (clothing and textiles) isinyithi nobunjineli (metals and engineering);
- siyile indlela ebanzi yokubeka ngokokubaluleka uncedo olungundoqo olufunekayo ekuxhamleni kwimigodi nezimbiwa, kwezolimo nolungiso lweemveliso zolimo, kwicandelo leemveliso ezimhlophe, kumashishini ezobugcisa, kwiinkonzo zoluntu nezentlalo kwakunye nezamachiza (pharmaceuticals). Le nto kufuneka iquke ukuzimisela ekunyuseleni ukukwazi kwelizwe lethu ukuvelisa iimveliso ezingundoqo. Ngoko ke ukuze sixhamle kwizimbiwa, umzekelo, siya kuqalisa uMrhwebi weeDayimane kaRhulumente (iState Diamond Trade) oya kuthenga i-10% yeedayimane kubavelisi balapha ekhaya aze azithengisele abasiki nabavelisi bakwalapha ekhaya. Siyavuya ke kuba uDeBeers uvumile ukusinceda ngolawulo, izakhono zobugcisa kunye nonikezelo ngezinto (asset provision) isithuba seminyaka emithathu, engasihlawulisi nesenti.
- iinkqubo zophuhliso zokuncedisana notyalo-mali kumacandelo ahambelana nokuhanjiswa kweenkonzo zeenkqubo zezixhobo ezikhulu (infrastructure programmes) zethu, kuquka neemveliso ze-ICT, ezothutho nezamandla: ngokubhekiselele kwezamandla, siya kukhawulezisa umsebenzi wethu wokuqinisekisa ngokuthembeka okukhulu kokwenziwa kwamandla enyukliye ombane, igesi yendalo kunye neentlobo ngeentlobo zemithombo yamandla ekwaziyo ukuqalelwa ngokutsha (renewable sources of energy). Kunxibelelwano, ndiyavuya ukunazisa ukuba iSebe lezoNxibelelwano, likunye neenkampani zeefowuni eziphathwa ngesandla kunye noTelkom zigqibezela izicwangciso zokujongana namazinga okuqhawulwa kweminxeba kulo nyaka ukuze kuxhamle bonke abasebenzisi bayo. Ngaphezulu, uTelkom uya kubiza nentlawulo ephantsi kakhulu yolwandiso lwenethiwekhi (bandwidth) yamazwe ngamazwe kumaziko eminxeba yophuhliso alishumi, iziko ngalinye liqesha abantu abali-1000, nengenxalenye yeenzame zokwandisa icandelo le-BPO. La maziko aya kwenziwa kwiindawo ezichongwe ngurhulumente. La maxabiso awodwa aya kuthelekiseka ngqo nalawo enkonzo efanayo kunye nobungakanani bayo ngenyanga, ethi inikwe kuwo nawaphi na amazwe.
* Siza kuphinda senze amanyathelo ngamanyathelo okuphucula ukhuphiswano kuqoqosho, njengenxalenye yezinto ezenziwayo ukunciphisa iindleko zokwenza ushishino nokukhuthaza utyalo-mali, kuquka nokuqaliswa okusebenzayo kwendlela yoHlolo lweFuthe loMthetho (iRegulatory Impact Assessment - RIA system), kusakhiwa ukukwazi kwenethiwekhi ebanzi (broadband) ukusebenza ngokukhawuleza elizweni jikelele nakumazwe ngamazwe, kugqityezelwa isicwangciso sokuphucula ukukwazi komzila wenethiwekhi kunye nabasebenzi beentambo zombane, kunye nokuqinisa ukusebenza kwamaziko esikhuphisana nawo.

Inkqubela esele siyenzile ekwenziweni ngokutsha kweeKholeji zeMfundo noQeqesho oluQhubekayo (iFurther Education and Training - FET) kudale ukuba sikwazi ukwandisa kangangoko inani lamagcisa afumanekayo. Ukuqalela kulo nyaka, kuya kubekwa imithombo yokunika uncedo lwezimali kubaqeqeshwa abafuna uncedo, nabangena kula maziko. Kwangaxeshanye, siza kusombulula ngokukhawuleza uxanduva oluphakathi kwamacandelo kazwelonke nawephondo kulawulo lwala maziko e-FET. Sinalo ithemba lokuba iinzame zethu zokukhuthaza olu hlobo lwamathuba ziya kunceda ekuthumeleni umyalezo, ngakumbi kubantu bethu abatsha, wokuba izakhono zamagcisa zifuneka kukhuliso lwezoqoqosho ngokubaluleke ngokufanayo namanye amanqanaba eziqinisekiso zemfundo.

Emva kokuthethathethana okunzulu phakathi kukarhulumente neenkokeli zeeyunivesithi zethu, kufikelelwe kwisivumelwano kwaza kwathathwa isigqibo malunga nemithombo yokuqinisekisa ukuba izakhono ezifunekayo zikhona.

Kungoko ke sithanda ukuncoma indima edlalwe sisiQalo esiDibeneyo sokuFumaneka kweZakhono (iJoint Initiative on Skills Acquisition - JIPSA), nesidibanisa urhulumente, amashishini, abasebenzi, amaziko oqeqesho kunye nabanye.

Nanjengoko amalungu aHloniphekileyo esazi, silinyuse kakhulu inani lokungahlawulwa kwemali ezikolweni.

Ekwenzeni le nto kwakunye nezinye iinkqubo, siya kuncediswa kukuzimisela kwethu ekuqinisekiseni ukuba iNdebe yeHlabathi ye-FIFA ka-2010 yenziwa ngeyona ndlela iphambili. Xa kulapho ke singathanda ukuvuyisana neKomiti yoQuquzelelo yeLizwe (iLocal Organising Committee - LOC) kunye nabanye esibambisene nabo ngomsebenzi omhle kangaka abawenzayo.

Ngokucacileyo, ukuze siqiniseke ukuba bonke abemi baseMzantsi Afrika bonwabela ulonwabo oluza nokukhula koqoqosho, ezi kunye nezinye iindlela ziya kufuna ukukhatshwa yinkqubo eqinisiweyo yokujongana nemiceli-mngeni kuQoqosho olukwiNdawo yesiBini. Ngenxa yoku, apha ekuhambeni konyaka, siya kuthi phakathi kwezinye izinto:
* siphucule nangakumbi ukukwazi kwabantu ukufikelela kuncedo-mali oluncinci (micro-finance) kuquka ukufikelela kwiMali eseNcotsheni (iApex Fund - iSAMAF) kunye nemali yetyala elincinci lezolimo (iagricultural micro-credit fund - MAFISA);
* siqinisekise ukusebenza kakuhle kwe-Arhente yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci (iSmall Enterprises Development Agency - SEDA);
* siqhube uMthetho oYilwayo weeNkampani, owavunyelwa ukuxoxwa luluntu ngokubanzi yiKhabhinethi ngoLwesiThathu ophelileyo, njengenxalenye yokukhuthaza ukuqhubela phambili kweendlela zokunciphisa umthwalo womthetho kumashishini amancinci, aphakathi nasakhulayo kwanokuxhobisa abanini-zabelo abambalwa kunye nabaqeshwa;
* Emva kokugqithisa kuma-10 000 esasizibekele wona, siya kwandisa inani labantu abatsha ababandakanyeka kwiNkonzo yoLutsha kaZwelonke ngobuncinane bama-20 000 sisebenzisa ali-18 kumasebe ethu, nasele eyile izicwangciso zokwenza oku, sibhalise amavolontiya abantu abatsha angama-30 000 kwiziqalo zophuhliso lwasekuhlaleni, size siqeshe abantu abatsha abangama-5 000 njengenxalenye yeNkqubo eyaNdisiweyo yemiSebenzi yoLuntu (iExpanded Public Works Programme) kulungiso lwezakhiwo zikarhulumente;
* siqinise iinzame zethu zokudibanisa uphuhliso lolutsha kumsebenzi obanzi karhulumente, kuquka iinkqubo zeentsebenziswano zolutsha, kunye neenzame eziqhubekayo zokudibanisa abathweswe izidanga abangaqeshwanga kunye namathuba emisebenzi - yaye singathanda ukubulela kakhulu iinkampani ezininzi, ezikarhulumente nezabucala, ezinkulu nezincinci, ezithe zasebenzisana nathi ngendlela encumisayo kwanesebenzayo malunga nalo mba; kunye,
* nokuqala ukusebenzisa uMthetho wamaLungelo oMhlaba woLuntu (iCommunal Land Rights Act) ukuze siphucule ukusetyenziswa komhlaba woluntu kwezoqoqosho, ngelixa sisandisa uncedo olufana nonkcenkcesho, iimbewu kunye nezixhobo kumafama amancinci kunye nasebenza ngokudibeneyo.

Malungu aHloniphekileyo;
Inkqubo zezoqoqosho esele sizichaphazele zenza inxalenye yentsebenziswano edibeneyo apho uMzantsi Afrika wonke kufuneka usebenze ukuze unciphise amazinga obuhlwempu nokungalingani kuluntu lwethu. Kuthi ayiyontetho yemihla ngemihla nje ukuthi impumelelo yolawulo lwesininzi lwethu kufuneka ijongwe ngokwamanyathelo aphathekayo esiwenzayo ukuphucula umgangatho wobomi babona bantu babuthathaka kuluntu lwethu.

Ukuze siphucule kwiinkqubo zoluntu ebesizenza ngokokuhamba kweminyaka, kulo nyaka sijonge ekugqibeni umsebenzi osele uqalile wokuhlaziya indlela yethu yokhuselo loluntu ukwenzela ukuba ukwenziwa okulungiseleweyo kube kungaqala kwangoko kangangoko. Okubalulekileyo kule nto siyenzayo iya kuba ngumsebenzi wokulungisa ukungalungi okubonwe kwiNgxelo ka-2002 yeKomiti yoPhando malunga neNdlela eDibeneyo yoKhuselo loLuntu eMzantsi Afrika (i2002 Report of the Committee of Inquiry into a Comprehensive System of Social Security in South Africa). Kona ke kukuba intsika ngokubhekiselele kwinzuzo yendlela yokhuselo loluntu lwethu ayibonakali okanye ayithembekanga kubantu abaninzi abasebenzayo. Umthetho-siseko okhokela le ndlela ngowokuba, ngaphezu koncedo loluntu olunikwa ngohlahlo-lwabiwo-mali lukarhulumente, kufuneka sijonge ukuqalwa koncedo oluhambelana nengeniso kwindlela yokhuselo loluntu olukhokelwa yimithetho-siseko yoluntu oluluqilima.

Le nto iya kuthetha ukuba bonke abemi baseMzantsi Afrika baya konwabela ubulungu bendlela efanayo, elawulwayo nesebenzayo ye-inshorensi yoluntu, ngelixa abo bafumana iingeniso ezinkudlwana baya kukwazi ukuqhuba nokuhlawula kwiinkonzo zomhlala-phantsi kunye neenkampani ze-inshorensi zabucala. Kwiingxoxo eziqhutywe ngurhulumente kude kube ngoku, kuyavela ukuvumelana kokuba iinxenye zale ndlela kuya kufuneka ziquke:
* ukuqhuba kokuxhamla okungephi okufumaneka kwindlela yethu yeendodla nokuya kuhlawulwa ngendlela yolawulo yale mihla;
* ubonelelo lwemivuzo lwabasebenzi abanemivuzo ephantsi, nokunokujoliswa kwabo basafikayo emsebenzini, ngakumbi abantu abatsha; kunye
* nerhafu elukhuselo loluntu eya kunceda ngezimali ezinjengezibonelelo zolondolozo olusisiseko lomhlala-phantsi, ukusweleka, ukukhubazeka nokungasebenzi.

UMphathiswa weziMali uya kuphinda ayicacise le miba kwiNtetho yoHlahlo-lwabiwo-mali. Enye into ekufuneka sigxininise kuyo yeyokuba ekugqibezeleni le ndlela intsha yokhuseleko loluntu, urhulumente uya kuqala inkqubo edibanisa konke yokudibana nabasebenzisana nathi kuluntu bengabanye kwanange-NEDLAC.

Kwakhona, sikwaqale ukujonga iindlela zokufikelela kubantwana ababuthathaka abangaphezu kweminyaka yobudala eli-14.

Inkqubo yethu kwicandelo loluntu kulo nyaka iya kuquka:
* nokukhawuleziswa kokwakhiwa kwezindlu ezingabizi kakhulu neziya kufuna ukusekwa kweNdlela yeNjongo eYodwa i(Spercial Purpose Vehicle) eya kujongana nezimali, ukulinga uMthetho oYilwayo woLawulo loSetyenziso loMhlaba kunye nokuqinisekisa ukuba iindawo ezisaseleyo zesivumelwano sokugqiba izindlu ezibiza kancinci, esilibaziseke kakhulu secandelo labucala;
* ukukhawuleziswa kokwenziwa kweprojekthi yokuthengwa ngokutsha kweeteksi, ukwenza izicwangciso ezicacisiweyo zezithuthi zoluntu zomzila nezomgaqo, kuquka iNdlela yeeBhasi eziKhawulezayo (iBus Rapid Transit System) ehamba kwiiDolophu ezinkulu kunye nokuqhutywa (recapitalisation) kweMetrorail: ngoko ke, mandithathe eli thuba ndigxininise ukuba urhulumente kunye noogxa bethu kwi-SANTACO asiyi kunyanzelwa ukuba siyekise iprojekthi yokulawulwa ngokutsha kweeteksi, yaye naziphi na iinzame zokujongela phantsi ucwangco loluntu jikelele ngenxa yokuba umntu efuna ukwaneza iimfuno zakhe zokuzicingela yedwa, siya kujongana nazo ngokwendlela efanelekileyo;
* ukwandisa ufikelelo kuPhuhliso loBomi bobuNtwana (Early Childhood Development) njengenxalenye yenkqubo yokuphucula uhlobo lwemfundo gabalala nanjengenxenye yeNkqubo eYandisiweyo yemiSebenzi kaRhulumente (iExpanded Public Works Programme);
* ukwandisa uqeqesho nokuqeshwa kweenesi noonontlalontle njengabancedisi, ngokwenjenjalo sisandisa inani lamaziko oqeqesho, siphucula umgangatho, sikwaqalisa uhlobo lwesipho-mali;
* ukuqhuba nokwenziwa kwemivuzo yabasebenzi bonyango, nokunika izixhobo ezongezelelweyo eziya kuphucula nangakumbi ukuphuculwa kwamanqanaba emivuzo yootitshala;
* ukuqinisekisa ngokwenziwa, okungalibazisiyo, kweendlela zokunciphisa amaxabiso amayeza; kunye
* nokuqhuba nokusebenzela ukuphelisa iindlela ezahlukeneyo ezingunobangela wokufa okungaqhelekanga kuluntu lwethu, ngokunjalo nezifo ezibangelwa yindlela yokuziphatha, imalariya, kunye neentlobo-ntlobo zesifo sephepha, iingozi ezindleleni kunye nolwaphulo-mthetho olunobundlobongela.

Kule meko ke, urhulumente uyazibophelela ekuqiniseni iphulo lokulwa nentsholongwane kagawulayo kunye nogawulayo, ngokunjalo nokuphucula indlela enza ngayo zoonke iindlela ezindindeneyo ezifana nokuthintela, ukhathalelo lwasemakhaya lwabantu abanale ntsholongwane kunye nonyango. Siza kuqinisekisa ukuba iindibaniselwano esizakhe apha ekuhambeni kweminyaka, kwanokuba indlela edibeneyo ephuculweyo yelizwe yokulwa nogawulayo kunye nezifo ezosulela ngesondo iyagqityezelwa ngokukhawuleza.

Kulo nyaka siza kugqiba izicwangciso eziphathekayo zokwenza amanyathelo okugqibela eenkqubo zethu zokufikelela kufikelelo lwamanzi lwehlabathi jikelele ngo-2008, ugutyulo ngo-2010 kunye nombane ngo-2012. Siza kuzigqibezela iindlela neenkqubo zethu zokujongana nemicimbi yobumbano loluntu, kuquka indlela yokulwa nobuhlwempu edibeneyo neyindibanisela esele sithethe ngayo, xa sijongana nemiba yobumbano lwesizwe, iindlela zokuziphatha kunye nobuwena bomntu.

Zonke ezi nzame, Mam' uSomlomo noSihlalo, mazisebenzisane nenkqubela ezinzileyo yokuphucula ukhuselo nokhuseleko loluntu. Ngoko ke, urhulumente uya kuqinisekisa ukuba izigqibo ezithathwayo zokuqinisa ukulwa kwethu nolwaphulo-mthetho zenziwa ngemfezeko. Umceli-mngeni esinawo owenza ukuba singawusombululi lo mba awunanto itheni neepolisi.

Endaweni yoko, into efunekayo luququzelelo olusebenzayo, ukubizwa kunye nokukhokelwa konyanzeliso lomthetho lomntu wonke, amagosa obungqondi nolungiso-zimilo, kunye nokusebenza kwendlela yololuleko. Uninzi olukhulu lwaba basebenzi bakarhulumente lubonise amaxesha ngamaxesha ukuba ngokwendlela ekwenzeka ngayo, bazimisele ukubeka ubomi babo esichengeni nokunikela nangelo xeshana lincinane banalo lokuchithwa neentsapho, ngenjongo yokukhusela inkululeko nokhuselo lwethu.

Ukongeza kwiinkqubo ezininzi eziqhubayo nebesisoloko sizenza, urhulumente kulo nyaka uza kuthi:
* aqhube nokuphucula imivuzo neemeko zengqesho zamapolisa, ukuqala inkqubo yokwandisa nangakumbi abasebenzi beNkonzo yesiPolisa saseMzantsi Afrika, ukwenzela ukuba inani lawo elipheleleyo libe ngaphezu kwe-180 000 ingaphelanga iminyaka emithathu, nokuqinisekisa ngokusetyenziswa kangangoko kwendlela ye-elektroniki yokujonga nokuhlola esandula kuqalwa;
* asebenzise kangangoko iilebhu zonyatheliso lweminwe nezixhotyiswe ngeteknoloji entsha, nokuqinisekisa ngokusetyenziswa kangangoko kweenkcukacha eziqokelelweyo zonyatheliso lweminwe - ngokwenene uninzi kweempumelelo zakutsha nje ekusombululeni izehlo zolwaphulo-mthetho ezinzima incediswe zezi ndlela;
* enze iSebe lemiCimbi yezeKhaya lisebenze kangangoko, ngokuzalisa izithuba ezingenamntu, aphucule iindlela zokwenza kwanokwenziwa kwezinye iingcebiso zeQela eliThunyiweyo ebelisoloko lisebenza noMphathiswa ekuphuculeni umsebenzi weli sebe libaluleke kangaka;
* enze iingcebiso zeKomishoni kaKhampepe yomsebenzi nezenzo zeCandelo lweZenzo eziZodwa - (ooNomadudwane) (iDirectorate of Special Operations - iScopions);
* aqale inkqubo yokwenza ntsha nangakumbi iindlela zeeNkonzo zeRhafu yaseMzantsi Afrika, ngakumbi ngokubhekisele kulawulo lwemida, kunye nokuphucula umsebenzi wemibutho ejongene nolungelelwaniso oludibanisa amasebe ngamasebe kulo mba;
* aqinise umsebenzi weengqondi ngokubhekiselele kulwaphulo-mthetho olucetyiweyo, ukwakha iimpumelelo ezifunyenweyo kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo zijongene nokuxhonyiswa kwezithuthi zemali (cash-in-transit heists), ukuthutyeleziswa kweziyobisi kunye nokuzingelwa kwezilwanyana ezigciniweyo (poaching of game) neabalone;
* asebenzise kangangoko iteknoloji entsha enikwe ezobulungisa aphucule nolawulo lweenkundla kunye nenkonzo yotshutshiso, ukwenzela ukunciphisa amatyala amaninzi angekathethwa;
* agqibezele izinto ezisaseleyo kwiindlela zokuguqula ezobulungiswa ekwaphucula nokusebenza kwazo, esebenzisana namaziko aziwayo olawulo lwethu lwesininzi;
* esenza iinkqubo ekugqitywe ngazo zokwakha iindawo zolungiso-zimo ekwafezekisa iinjongo zoMthetho osaXoxwayo loLungiso-zimo;
* aqhubele phambili neenkqubo zokunceda ii-arhente zobungqondi, nokuqinisekisa ukuba ngawo onke amaxesha zisebenza ngokwesakhelo soMgaqo-siseko nomthetho wethu; aze
* aphucule uhlalutyo lwethu lwamazinga olwaphulo-mthetho okuphucula ukusebenza kwethu ngokubhekiselele ekunqandeni ulwaphulo-mthetho kunye nokulwa ulwaphulo-mthetho. Ngoko ke, kufuneka sijongane nenyani enzima yokuba, njengokuba kusenzeka kwamanye amazwe, izenzo ezininzi zolwaphulo-mthetho olunobundlobongela olwenziwa ebantwini lwenzeka kwezona ndawo zihlelelekileyo zoluntu lwethu yaye zifuna uncedo oluqinileyo noluzinzileyo loluntu lwethu olujonge kuthintelo lolwaphulo-mthetho.

Njengokuba sele sitshilo, ezi kunye nezinye iindlela ziya kuphumelela kuphela xa sisakha intsebenziswano enyamezelayo malunga nokwenziwayo kwiindawo zoluntu lwethu naphakathi koluntu namapolisa, ukwenza ubomi bube nzima nangakumbi kwizaphuli-mthetho.

Ukuze oku kwenzeke, sikhuthazwa nangakumbi kukuzinikezela okuboniswa ziinkokeli zethu zoshishino nezenkolo ekuqiniseni ezo ntsebenziswano apha emazantsi, ngokunikezela ngexesha nezixhobo zabo ukuqinisa ukulwa kwethu nolwaphulo-mthetho. Urhulumente uza kudlala indawo yakhe ekuqinisekiseni ukuba ezi ntsebenziswano zisebenza nyani, kwanokuba sonke sisebenza kunye ukukhupha uxanduva lokukhusela abemi belizwe lethu.

Mandilitsho litsole elokuba kule meko iSebe lezoKhuselo noKhuseleko kunye neNkonzo yesiPolisa zenza isicwangciso esiya kuphucula nangakumbi ukusebenza nempumelelo yamaQumrhu esiPolisa sasekuHlaleni abaluleke ngendlela emangalisayo.

Mam' uSomlomo noSihlalo;

Ukuphucula nangakumbi iinkonzo zakhe eluntwini, urhulumente kufuneka andise ukukwazi kwakhe ukusebenza ngokwanelisayo. Ukuze sikwazi ukufezekisa ezi njongo, apha ekuqhubeni konyaka siya kuthi:
* siqinise ukukhangelwa nokuhlolwa, kwawo onke amacandelo karhulumente, kuquka ukuqeqeshwa kwabalawuli abanoxanduva lokuyenza le nto;
* sigqibe, zingaphelanga iinyanga ezili-18 ezizayo, umthetho malunga nenkonzo enye yoluntu kunye nemiqathango nemimiselo, inkqubo yemivuzo kunye neemeko ezibhekiselele kuncedo-mali lwezonyango kunye neemali zomhlala-phantsi;
* siqinise ukuya eluntwini nokwaziswa koluntu ngemiba yophuhliso lwesithuba sesizwe (national spatial development), ngelixa sisenyusa inani loomasipala ababandakanyeka kudityaniso lwezixhobo zokucwangcisa kuwo omathathu amacandelo;
* senze uhlolo lokukwazi ukumelana kwanokwenza uncedo kumaSebe amaPhondo anoxanduva lokujongana norhulumente wasemakhaya, ngokunjalo nee-Ofisi zeeNkulumbuso, ngelixa sqhubeka nokuphucula ukukwazi ukusebenza kwamasebe kazwelonke;
* ngelixa siqinisa icandelo likarhulumente kunye nephulo likazwelonke lokulwa nolwaphulo-mthetho, size ekupheleni konyaka sigqibe inkqubo yokuphucula nangakumbi ukusebenza kweendlela zethu zokulwa nolwaphulo-mthetho kuwo onke amacandelo karhulumente;
* senze iphulo leBatho Pele kwinqanaba likarhulumente wasemakhaya, siqinise izenzo zokunceda ukuqinisa uncedo loluntu, zenzo ezo ziquka iimbizo kwanokwenziwa kwamaZiko eeNjongo eziNinzi oLuntu (iiMulti-Purpose Community Centres) ezingaphezu kwezo zisebenzayo ngoku zingama-90; size,
* sincede nangakumbi ngezakhono sinike nenkxaso eyongezelelweyo kumaziko obunkokeli bemveli

Ukuphuculwa kolawulo kukwathetha ukubaneenkcukacha eziqokelelweyo ezisebenzayo zeenkcukacha-manani malunga nokutshintsha kweemeko zokuhlala elizweni lethu. Ngoko ke, iintlobo ezimbini zophando ziya kwenziwa ngo-2007. Ukusukela kwiintsuku ezimbini ezidlulileyo abaphandi boluntu abangama-6 000 abasuka kwaStatistics South Africa bathe bhazalala elizweni jikelele beqokelela ulwazi kwimizi engama-280 000 ekhethiweyo ukuba ithathe inxaxheba kuPhando loLuntu, oluya kunikwa urhulumente ngokuchaneke kangangoko njengendlela ebonisa iimeko zabemi kuzo zonke iindawo zeli lizwe.

NgeyeDwarha abanye abantu abangama-30 000 kumakhaya angama-8 000 baya kuchongelwa ukuthatha inxaxheba kuphando lokuqala lwephaneli lwaseMzantsi Afrika, uPhando lokuTshintshatshintsha kweNgeniso yeLizwe (iNational Income Dynamics Study). Aba bantu bangama-30 000 baya kulandelelwa ngokuhamba kwamaxesha, ukwenzela ukukhangela imiba enjengokufuduka kwabantu, ukutshintsha kwemakethi yabasebenzi, ukuzulazula okukhangela amathuba angcono (inter-generational mobility) kunye nokwenziwa kwanokuchithwa kwamakhaya. Ndingathanda ukuthatha eli thuba ndicele bonke abo bachongiweyo ukuba basebenzisane kangangako nezi zenzo zikubaluleka kunje.

Mam' uSomlomo noSihlalo;
Phakathi kweempumelelo ezinkulu zabantu baseAfrika kule minyaka mibini inesiqingatha idlulileyo, ibe kukubuyiselwa koxolo kuMmandla wamaChibi amaKhulu (iiGreat Lakes Region). Sinegugu, njengabemi baseMzantsi Afrika, ngenxaxheba edlalwe ngabantu bethu ekuncediseni ukwenzeka koku - ukususela kubafana neentombi zoMkhosi woKhuselo weLizwe ukuya kubasebenzi bamaziko karhulumente nawabucala, nabathe banikezela ngexesha labo beqinisekisa ukuba iphupha leAfrika lifezekiswa ngokukuko kwiphandle lasePatrice Lumumba.
Siza kuqhuba nokusebenza nabantu belizwe elingummelwane wethu iDRC, ngokunjalo neBurundi, iComoros neSudan ngakumbi ekuqinisekiseni ukuba imeko yoxolo nozinzo osele lufunyenwe luguqulwa ngexesha elinye lube sisenzo esindindeneyo solwakhiwo ngokutsha loqoqosho nophuhliso loluntu.

Noko kunjalo, ngelixa sinelungelo lokubhiyozela iimpumelelo ezenziwe yiAfrika kwimizamo yayo yokufumana uxolo nophuhliso, asinakuyijonga kancinci imiceli-mngeni esijongene nayo xa sisebenza ngeendawo eziseleyo zongquzulwano, ngakumbi kwinkqubo yoxolo jikelele eSudan, kuquka nemeko yaseDarfur, eCôte d'Ivoire naseSomalia.

Urhulumente wethu uya kujongana ngokufanelekileyo kwanangendlela amandla ethu asivumela ngayo, kwisicelo seManyano yeAfrika, sokuba sincede abantu norhulumente waseSomalia. Eyona nto ingundoqo kule nto ziinzame ezisendleleni zokuqinisekisa ukuba abo baphambili eSomalia bayancokola ukuze bafumane isisombululo esiquka umntu wonke nesinako ukwenzeka, ngokubhekiselele kwimfuneko yokufezekisa uxolo lukazwelonke.

Kulo nyaka iQumrhu lokuHlolana kwamaZwe aseAfrika (iAfrican Peer Review Forum) iya kube igqiba uhlolo lwelizwe lethu. Ndingathanda ukuthatha eli thuba ndibulele abameli bethu basepalamente, abaPhathiswa namasebe karhulumente, imibutho yethu yasekuhlaleni kunye noluntu ngokubanzi ngenxaxheba enkulu oluyenzileyo kumsebenzi owawungumceli-mngeni yaye wohlukile kolu lawulo lwesininzi lwethu luselutsha. Siza kuphinda sithathe amanyathelo afanelekileyo okwenza inkqubo yomsebenzi efunekayo neya kuvela njengesiphumo senkqubo yokuhlolana kwamazwe.

Ngokucacileyo, siza kuqhubeka nokusebenza kunye nalo lonke eli lizwekazi kunye noogxa bethu bophuhliso ekukhawuleziseni ukwenzeka kweenkqubo zeNEPAD.

Kule nyanga nje idlulileyo, uMzantsi Afrika uqale ukhenketho lomsebenzi wawo njengelungu lethutyana leBhunga loKhuselo kweZizwe ezimaNyeneyo. Ngoko ke singathanda ukuthembisa, egameni labantu boMzantsi Afrika, ukuba siya kwenza konke okuyimfuneko, kuninzi lwamaqumrhu aziwayo asebenza ngokunxuseneyo (most esteemed of multilateral bodies), ukufaka igxalaba kuxolo nokhuseleko lwamazwe ngamazwe.

Ngenxa yoko ke siza kuqhubeka nokusebenzisana neenkokeli zabantu basePalestina, kwaSirayeli, e-Iraq, e-Iran namanye amazwe oMbindi-Mpuma kunye nePersian Gulf. Siza kuphinda siqhubeke nokuqinisa unxulumano lwethu namanye amazwe kweli lizwekazi lethu, oogxa bethu base-India, eBrazil nasePeople's Republic of China, amanye amazwe asemaZantsi, ngokunjalo nayo neJapan, iYurophu kunye nomNtla Melika.

Enye yeengxaki ezinzima ekufuneka sizijongile kule meko kukubuyiselwa ngokukhawuleza kweengxoxo zeDoha Development Round of WTO. Siyathemba ukuba ukuba izisombululo zengxubakaxaka esinazo ngoku ziya kukwazi ukufumaneka, nokuba yinjongo yexesha elide yamazwe asele ephuhlile nasaphuhliswayo, ngokufanayo, ukuba ezi ngxoxo kufuneka zide zifikelele kwisiphelo esinesiqhamo.

Mam' uSomlomo noSihlalo namaLungu aHloniphekileyo;
Ukususela kumsebenzi omkhulu ka-2004, siye sabona inkqubela encomekayo ekutshintshweni koMzantsi Afrika ukuba ube ngcono. Akufunekanga sizijongele phantsi, yaye nathi asizijongeli phantsi iinzima ezininzi esisamana ukuhlangana nazo.

Kodwa umyalezo ogqithiswa ngamava aqokeleleneyo esinawo ngowokuba, xa sisebenza sonke singakwazi yaye siza kuphumelela ekufezekiseni injongo yethu efanayo esazibekela yona njengesizwe - ukwakha ubomi obungcono bomntu wonke, kwilizwe elingasenayo yaye lingasamelanga oko kungcolileyo nokungafunekiyo eluntwini.

Kufuneka namhlanje, sithethe sisonke ngenkululeko, sinokuzithemba okungakumbi. Kufuneka sizimisele ukusebenza sisonke ngenjongo yokufumana "ulonwabo olufunyanwa ngamadoda noomama xa behlala elizweni elikhululekileyo”.
Asikafiki ncam ke apho. Kodwa akukho mntu wumbi, ngaphandle kwethu, oya kuqinisekisa ukuba eli phupha liyafezekiswa. Ngoko ke, masiwubhinqe ube mfutshane sisebenze, siqonda ngokupheleleyo ukuba umsebenzi wokwakha uMzantsi Afrika esiwulangazelelayo luxanduva lwethu sonke.

Enkosi.

Ikhutshwe: Yi-Ofisi kaMongameli

Share this page

Similar categories to explore